IMbombela izixhwithele kwiTuks

IMbombela United ibethe Amatuks ngo’1-0 kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-Absa Premier Soccer League eTuks Stadium izolo.

Akukhonto ingayizamanga i-University of Pretoria, kodwa onke loo mathuba ahambe nje. Ukubethwa kwayo kuthetha ukuthi kufuneka izame ngakumbi kwimidlalo ezayo. Kuphele isiqingatha sokuqala iMbombela iphala phambili ngegowuli likaMxolisi Gumede phambi kokuphela kwesigaba sokuqala.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu nanjengoko bekulindelekile – uVuyisile Ntombayithethi we-University of Pretoria uphantse wangcangcazelisa umnatha – kodwa ngelishwa iye yaphuma ecaleni ibhola yakhe.

Khange iyekelele nayo iMbombela United kwelayo icala.

Kwimizuzu yokuqala, AmaTuks ayeke amathuba okufaka amagowuli – nayo iMbombela iphantse yafumana elesibini ngomzuzu wamashumi amahlanu kwisigaba sesibini.