Ingqondo kaFaf ikumdlalo ozayo qha

Ukapteni weProteas, uFaf du Plessis, uthi ingqondo yakhe ikumdlalo ophakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseAustralia ngoLwesine nangona kuthiwe makasiphise iqigwebo asinikwe yi-ICC.

Lo kaDu Plessis wohlwaywe yi-ICC ngenxa yokumanzisa ibhola ekuthwa itshintshe ubume bayo. Kodwa yona le ndedeba ithi ayenzanga nto igwenxa futhi imsulwa.

“Andivumelani konke nesigqibo esithathiweyo ngam. Andiziboni njengomntu obesenza ubutshilikithi. Le yinto eyenziwa ngabadlali bonke beqakamba. Imilomo yethu isoloko incangathi – ndicinga ukuba ngumthetho ofanele ukuqwalaselwa kwiqakamba,” utshilo uDu Plessis ekuqaleni kwale veki.

Liqela lesizwe loMzantsi Afrika lelokuqala eliphumelele imidlalo emithathu yovavanyo ilandelelana ukusukela ngo’1980 – unyaka eyenza ngawo imbali iWest Indies.