IPirates ne-Arrows zibambene ngeqanda

Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates challenged by Zolani Nkombelo of Golden Arrows during the Absa Premiership 2017/18 match between Orlando Pirates and Golden Arrows at Orlando Stadium, Soweto South Africa on 21 November 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ezimnyama
zikhalela amathuba emva kokubambana ngeqanda macala neGolden Arrows kumdlalo
we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe e-Orlando Stadium kobu busuku. Nanamhlanje
i-Orlando Pirates isacula iculo elinye lokungakwazi ukusebenzisa amathuba
okufaka amagowuli emdlalweni. Kwelinye icala Abafana Bes’thende bakwindawo
yesibini kwiPSL – kodwa badlale imidlalo eliqela ngoku bengasafumani
impumelelo. Amandla nesantya iqela likaClinton Larsen eliqale ngayo isizini
ayisafani. Kodwa ke ukugoduka nenqaku elinye bedlala nePirates enkundleni yayo
asinto embi konke konke.

UThabo
Matlaba, uThabo Qalinge, uThembinkosi Lorch noMpho Makola bazame bancama
namhlanje kubadlali be-Arrows abavale kwade kwase kugqibeleni. ULorch uzame
ukubhalisa ebhodini – kodwa unozinti we-Arows, uNkosingiphile Gumede, uvale
kwanto ebisiza kuye kwaye ngomnye wabadlali abathe basindisa Abafana Bes’thende
kumdlalo wanamhlanje. Iinguqu ezenziwe ngumqeqeshi wePirates azizanga nanto
nakubeni kubekho utshintsho phaya naphaya kwindlela edlale ngayo.

Orlando Pirates: Mabokgwane, Chabalala,
Shitolo, Van Heerden, Nyauza, Matlaba, Nyatama, Qalinge, Lorch, Makola, Gabuza.

Golden Arrows: N. Gumede, Mngwengwe,
Mzava, Dube, Cele, Nkombelo, Sibiya, Shongwe, Mahachi, Magubane, Mutizwa.