ISascoc ineembaleki ezakukhetha kuzo

UMzantsi Afrika kulindeleke ukuba utyumbe inqwaba yabadlali abazakumela isizwe kwimidlalo ye-Olimpiki eza- kudlalwa eRio, kwinyanga ezayo. Namhlanje uyavalwa umtyhi wokufakwa kwabadlali abazakumela uMzantsi Afrika.

Zingamashumi amane anesibhozo iindawo ezivulekele abadlali boMzantsi Afrika. Ukuba umbutho ojongene nezemidlalo ne-Olimpiki eMzantsi Afrika iSascoc ukwazile ukufumana lonke inani leqela elizakumela isizwe, loo nto izakuthetha ukuba lo nyaka balidlulile inani lango-2004, e-Athens, apho abadlali babengamashumi amathathu anesibini. Amadoda angamashumi amane ananye kunye nabasetyhini abalishumi elinethoba abafikeleleyo kumgangatho wokuya eRio.

Inani kufuneka libe- ngaphantsi koku ngoLwesine, xa iSascos ibhengeza iqela layo lokugqibela elizakuya eRio. Abanye abadlali benze umgangatho wemidlalo abangazokuthatha nxaxheba kuyo eBrazil.

Eli nani kulindeleke ukuba liphinde lehliswe kwakhona kwimidlalo emithandathu ezakudlalwa. Iqela lamadoda kwiimbaleki lizakuquka uLusapho April, Sibusiso Nzima noLungile Gongqa. Imbaleki kwicala labasetyhini lizakumelwa Irvette Van Zyl, Christina Kalmer noDiana Lebo Phalula.

Intshatsheli yehlabathi kumgama wamakhulu amane uWayde van Niekerk, nobambe imbasa yesilivere kwihlabathi kwi-Olimpiki uCaster Semenya, basethubeni lokukhuphisana kwimidlalo eyahlukeneyo emithathu.

Nangona ingeyonto iqhelekileyo, uSemenya uzakubaleka kwi-400m, 800m ne1500m ngokushiyana kwayo le migama.

Ukuba uSemenya uthatha isigqibo sokuthatha inxaxheba kwimigama emibini kule, ngaphandle kwamathandabuzo uzakungenela kwi400m ne800m kuba loo nto izakumnika ixesha elaneleyo lokuzilungiselela.