Isebe lezemidlalo lingenelele kwimpatho-mbi yoomama

Oomama abathathe inxaxheba kwiphulo lokukhuthazama impilo entlumfanekiso: Pedro Mapelo

Njengokuba isiya ekupheleni inyanga eyabekelwa bucala njengeyona eyakuthi isetyenziswe njengeyokugqamisa imisebenzi neengxaki zoomama eMzantsi Afrika, apha eMonti – oomama namaxhoba empatho-mbi bebebambe umngcelele osondeleyo kumdyarho weembaleki.

Lo mngcelele ubuququzelelwe lisebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, Amathole Municipality neBuffalo City ngelizama ukunabisa umyalezo okhuthaza ukupheliswa kokuphathwa kakubi kwabantu ababhinqileyo elizweni liphela. Kulo nyaka wodwa, kweli phondo kwenzakaliswe kwaphindwa kwabulawa oomama abaliqela ngabayeni kwakunye nezinqanda-mathe zabo.

Lo nto inyanzele urhulumente nemibutho elwela oomama abaphatheke kakubi ukuba baphume iphulo bekwabongoza amadoda ukuba atshintshe indlela aqhuba ngayo.

“Namhlanje sithi masenze iphulo lokuhlanganisa iintloko, sithethe ngeengxaki zethu singoomama – kodwa yonke lo nto siyenza ne-ofisi kamphathiswa wezemidlalo, uPemmy Majodina. Silapha namhlanje emva komngcelele woxolo obusuka eSterling oqhine apha e-Orient Theatre. Kule nyanga yoomama nathi ngokuhamba kwethu sisondela ekuphileni ngoba siyakubona ukukhanya,” utshilo umam’ uMntuse Ntshokoma ongumanejala weDSRAC eBuffalo City.

USinovuyo Tshabhe ngomnye wamanenekazi nokwalixhoba lodlwengulo othe wathath’ inxaxheba kwiphulo loomama lokuziphulula iinduma zomphefumlo nenyama.

“Ndingumntu nje ozenzela izinto zakhe, ndiyazisebenzela kwa-Old Mutual – kodwa xa ndidibana noSis’Vava ondixelele ngale nto bayenzayo, ndiye ndanomdla kakhulu. Abantu abadlwengulwayo banelo bala lokudlwengulwa. Abantu abaninzi bakhululeka kade kulo nto.

“Ukusuka kwinto yokudlwengulwa kuthatha ixesha, kufuneka uvume wena ukuba ayinguwe ozenzileyo futhi uqale uzithande kwakhona.

“Ukuyibeka ngasemva into yokudlwengulwa kwam yasuka kum emva kokuba ndenza iinzame nokuzixelela ukuba awuzukuhlala nento engenziwanga nguwe.”