ISuperSport United ziintshatsheli ezintsha zeMTN 8

Lehlohonolo Majoro of Cape Town City challenged by Clayton Daniels of Supersport United during the 2017 MTN8 football match between Cape Town City and Supersport United at Moses Mabhida Stadium, Durban on 14 October 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amatsatsantsa ziintshatsheli zeMTN 8 ezintsha emva kokubetha
iCape Town City. ISuperSport United iphumelele ngo’4-2 kumapenela kumdlalo
ophele ebambene la maqela ngo’1-1 eMoses Mabhida Stadium. Le yindebe yokuqala
ka-Eric Tinkler kweli qela lasePitoli – kodwa kodwa yindebe yalo yesibini
kwisithuba nje seenyanga ezine emva kokuphumelela enye indebe kwakwe libala
laseThekweni. Ngoku iSuperSport United lelinye lamaqela aphambili kwicala
lokuthatha iindebe eMzantsi Afrika. UBenni McCarthy obenethemba lokuphumelela
indebe yakhe yokuqala uvumile ukuba libethiwe iqela lakhe emva kokuba abadlali
bakhe benze ngako konke okusemandleni wabo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iCape Town City ihamba phambili ngegowuli elinye
elifakwe nguSibusiso Masina kumzuzu wamashumi amabini anesithathu. La maqela
mabini ahlaselene zisuka emdlalweni kwaye kubonakala ukuba akhangela   ukubhakuzelisa umnatha kwangoko. Isiquququ
seSuperSport United, uDean Furman, ufumene ithuba lokufaka igowuli
lokulinganisa emva kokufumana ibhola ebibuya ezipalini – kodwa ukhethe
ukuyikhabela phezulu. Eyona ndawo bekujijiswana ngayo kusembindini webala –
apho uReneilwe Letsholonyane noFurman bebesebenza nzima futhi bezama ukunqanda
iibhola ebezityalwa nguTeko Modise noMasina. ULehlohonolo Majoro ubapheke
ebophula abadlali abafana noMorgan Gould noClayton  Daniels phaya emva. Bazamile abadlali abafana
noThuso Phala noBradley Gobler – kodwa bafika uRobyn Johannes no-Ebrahim Seedat
bevale mba.

Kwisigaba sesibini iSuperSport United ibuye ingxamile futhi
ibeke abadlali beCity phantsi koxinizelelo olunzima. Kuye kwanyanzeleka ukuba
uBenni McCarthy enze iinququ ezimbini kuba bekubonakala okokuba abadlali
abafana noModise abasenawo kakuhle amandla ukumelana neSuperSport ebixhoxonkxa
ngoThabo Mnyamane ongene kwisigaba sesibini. Enye yezinto ezinziwe kakuhle
liqela likaMcCarthy kukuvala uJeremy Brockie oyingozi wade wakhutshwa kwisigaba
sesibini somdlalo. UMajoro uye wakhutshwa emva kokuzama ukufumana igowuli
amatyeli aliqela kwisigaba sesibini. UMnyamane ubhakuzelise umnatha emva
kwebhola entle ayidlalelwe nguSifiso Myeni noGlobler kumzuzu wamashumi
asixhenxe anethoba. Emva kokufumana igowuli lokulinganisa, iSuperSport United
iye yasukelangamandla ngelo xesha amandla weCity aye ehla.

Umdlalo odlalwe ngala maqela ubumhle, esukelana – kodwa yiCity eye
yathanda ukuhlala emva kwisigaba sesibini. Lo nto inike amakhwenkwe kaTinkler
ithuba lokuhlasela. UVictor Obina, ongene endaweni kaMajoro, ukwazile ukuyinika
amandla iCity xa ihlasela – kodwa iibhola zakhe bezifika abadlali beSuperSport
United bethe qwa emva. Kwixesha lokuphumla uWome ukhe wazama ukuhlasela,
uphoxwe kukuba ibhola yakhe iye yandanda phezu kweepali. Kwixesha
elongezelelweyo idlale ngcono iCape
Town City

futhi yeyona ibikwazi ukuhlasela kuneSuperSport ekungekho nto ingako eyenzileyo
kwicala lokudala amathuba. Abadlali beCity abakwazanga ukuwasebenzisa amathuba
ebemane esigqi, ngakumbi kule mizuzu yokugqibela emdlalweni. Kuyiwe kumapenela
emva kokuba kungabangakho eliphumelelayo emdlalweni.

SuperSport United: Williams, Kekana, Daniels, Gould,  Modiba, Letsholonyane, Furman,  Mokoena, Phala, Grobler, Brockie.

Cape Town CityWalters, Mkhize,
Fielies, Johannes, Seedat, Matsi, Nodada, Modise, Masina, Lakay, Majoro.