Abahlali baseNgqushwa baxhalabile nangona nje belibulele ihlosi

Abahlali bakuNdwayana balibulele ihlosi ekudala lisitya imfuyo kule ndawo. Komnye umfanekiso, uLindile Mbilana ohlaselwe lihlosi IMIFANEKISO: ITHUNYELWE

Abahlali bakuNdwayana eNgqushwa basaphila phantsi koloyiko nangona nje belibulele ihlosi ekudala libahlupha ngokutya imfuyo yabo.

 Oku kungenxa yelinye ihlosi ekukholeleka ukuba lisaphila kumahlathi aseGlenmore, ilali ekufuphi nakuNdwayana.

 ULindile Mbilana (72) wakuNdwayana uthi uhlaselwe leli hlosi kwiCawe edlulileyo emva kokuba eqaphele ukuba litye iibhokhwe zakhe.

 “Ndiye ndaxelela abantwana ukuba bayokuthatha ikiliva sizokuthutha iibhokhwe ezi zihlaselwe leli hlosi. Xa sisaxakekile sifaka ezi bhokhwe ekiliveni ivele yegqi le nkunzi yehlosi yandibamba phantsi kwekhwapha ndayokuwa.

Emva kokuba lindiwisile liye laya kwizinja zam lazitya kodwa zabaleka. Belifuna nokuhlasela abantwana bam kodwa baye babaleka. Ndithe xa ndizama ukuvuka kwakhona, laphinda landitsibela apha kumzimba ongentla ndaphinda ndawa. Ndisinde ngokuthi ndibaleke,” utshilo uMbilana.

 UMbilana uthi le nkunzi yehlosi itye iibhokhwe zakhe ezilishumi elinesihlanu. Uthi asinguye yedwa bakhona nabanye abatyelwe imfuyo leli hlosi. Eli hlosi libulewe ngabahlali ngoLwesihlanu emva kokulirhangqa ngezinja.

Nangona nje inkunzi ibulewe, lo kaMbilana uthi into exhalabisayo kukuba kukho imazi yehlosi ebonwe eGlenmore ihamba nabantwana bayo. “Ndiyavuya lide labulawa kodwa ingxaki yile mazi ingekabulawa, nantso inkxalabo yam,” utshilo uMbilana.