Ithi ayinalwazi iSafa, isigqibo seFifa sona simile

SAFA President, DR Danny Jordaan during SAFA And LaLiga Partnership at Nike Centre, Soweto South Africa on 22 August 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSouth African Football Association, usamkele isigqibo seFifa kwaye awuzukubhena emva kwentlanganiso engxamisekileyo ebibanjwe sisigqeba esilawulayo.

Abalandeli bebhola ekhatywayo nabantu nje ngokubanzi belizwe bashiyeke bemathile – kodwa benomsindo emva kwesigqibo esithathwe yiFifa ngomdlalo owawuphakathi kweBafana Bafana neSenegal kunyaka ophelileyo, esithi mawuphindwe.

Ngokwengxelo yeFifa, iziphumo zomdlalo zibhangisiwe emva kokufumaniseka kokuba usompempe wathatha izigqibo ezingafanelekanga kula mdlalo ngenxa yobuqhophololo.

UJoseph Lamptey, usompempe owayelawula umdlalo, wagxothwa waphinda wasikwa naphakade kwibhola ekhatywayo yiFifa ngenxa yokwenzeka kula mdlalo.

Ubuqhophololo obenziwa ngusompempe abumchaphazeli uMzantsi Afrika owaphumelela ngo’2-1 kula mdlalo – kodwa iSafa ithi ayinamandla okubhena ngoba iziphumo zinefuthe le nto esuka ngaphandle ebholeni okanye akekho enetyala kumazwe abandakanyeka emdlalweni.

Kwiveki ephelileyo, izikhulu zeSafa zothuswa sisigqibo seFifa – kodwa kuyacaca okokuba ziye zacaciselwa ukuze ziyibone ngenye indlela le nto nangona ingafuni ukwabelana noluntu ngolo lwazi. Ngoku iSafa ithi isamkele isigqibo kwaye iyavuma ukuba umdlalo uphindwe.

“Besibambe intlanganiso sisisigqeba esiphezulu, kuye kwacaca okokuba asizifuni iziphumo ezinechaphaza – kodwa nathi sisafuna ubungqina obuthi ngokwenene usompempe wenza umkhonyovu. Khange sibandakanywe nathi kulo mba phambi kokuthathwa kwesigqibo,” utshilo uDanny Jordaan.

Ukuphindwa kwalo mdlalo kuthetha ukuthi iBafana isemsileni kuGroup D emva kokubethwa kabini yiCape Verde ekuqaleni kwale nyanga.