Itumente yamanqindi egameni likaMzimasi Mnguni

Umnumzana uMzimasi Mnguni engqongwe ziimbethi manqindi zeMpuma Koloni. Umfanekiso: Zenande Maqubela

Umthelekisi omkhulu weGolden Gloves, uRodney Berman, ebambisene nequmrhu losasazo labucala, iSuperSport, babhengeze ngokusesikweni ukusingathwa kwetumente enkulu egameni legqala lamanqindi uMzimasi Mnguni ngentsimbi yeshumi elinesibini emini-maqanda ngoMgqibelo, umhla wamashumi amabini, e-Orient Theatre.

Eli livelatanci elisungulwe ngala maqumrhu mabini aziwayo kweli lizwe loMzantsi Afrika njengeyona ndlela echanekileyo yokuthi “Sibamba ngazo zozibini” kweli thole leduna lakwaMnguni, elizenzele igama kwihlabathi ngokuvelisa iimbethi manqindi neentshatsheli eziphume izandla ezinje ngooVuyani Bungu, Welcome Ncita, Mbulelo Botile, Lindi Memani noZolile Mbityi.

UMnguni wabaneshwa longasebenzi kakuhle kwamalungu athile omzimba wakhe emva kokuhlaselwa sisifo sokushwabana [Stroke] ngo’2014, kungoku nje uhlala esitulweni esiqhutywayo (Wheel-Chair). Imeko yakhe iya ibangcono – kodwa akasenako ukubuyela kwisimo awayekuso ngaphambili emanqindinii.

Umsitho wokuphehlelelwa kwale tumente ekulindeleke ihlale ezintliziyweni zabantu abaninzi, obuzinyaswe zizikhulu zomdlalo wamanqindi neembethi manqindi eziliqela, ububanjelwe kwenye yeendawo ezithengisa ukutya kodidi phezu kolwandle eQuigney, eMonti, emini-maqanda.

Ngalo mhla mkhulu umlo ophambili uzakube uphakathi kwentshatsheli ye-IBO, uSimphiwe Konkco [waseMthatha ngokuzalwa] noNkosinathi Joyi ocela umngeni. Zombini ezi mbethi manqindi ziya kule tumente zinembali entle – kwaye zizimisele ukwenza ezibukwayo zinike nabantu umlo okwizinga eliphezulu.

Ethetha kulo msitho, uRodney Berman, uthe eyona nto ibangele kuntshule imbono enje engqondweni yakhe kungenxa yobuhlobo nentsebenziswano phakathi kwakhe nalo kaMnguni ixesha eliphaya kwiminyaka ephaya kumashumi amathathu.

“Oku kukuthi enkosi kuMnguni ngendima yakhe kumdlalo wamanqindi. Kuliwonga kakhulu kum ukusebenza naye futhi uyazi ukuba ndiyamhlonipha kakhulu. Eli lithuba labantu belizwe lonke, hayi indawo yakhe nje kuphela, lokubona ubukrelekrele bakhe uMnguni. Kuhlala kukhona ke ukumonelana apha emanqindini, nalapha kuye [uMnguni] yenzekile lo nto. Apha kum, eyona mpumelelo ikhazimlayo kwimbali yamanqindi eMzantsi Afrika yileyo kaVuyani Bungu ngethuba ebetha uKennedy. UBungu wayeyimbethi manqindi echubekileyo kakhulu – kodwa yonke lo nto wayifumana apha kuMngini,” utshilo uBerman.

Kukho isicwangciso sokwenza umgcelele weembethi mangqindi eziqhuqhwe ngulo kaMnguni, umdliva womculo ziimvumi zokholo nezinye izinto ngomhla wosuku lomsitho. Le tumente izakuboniswa nkgqo kuSS7 (SuperSport) ngentsimbi yesibini ngenjikalanga.

“Sizimisele ukulenza ibelusuku oluhle kakhulu. Yindoda le eqeqeshe yaphinda yafundisa iimbethi manqindi ngendlela ekhethekileyo kweli lizwe,” utshilo uGraham Abrahams weSuperSport.

Ukungena ngemali elikhulu leerandi(R100.00) emnyango ngabo banqwenela ukuba yinxalenye yalo msithi wokubhiyozela ubomi nemisebenzi emihla kaMnguni.