Iwelwe ngumqa esandleni iMajombozi High School

Isekela-mphathiswa leZemidlalo, uLonwabo neNkcubeko kuzwelonke, uNocawe Mafu nomphathiswa wesebe eMpuma Koloni, uFezeka Bayeni, baphise ngebala lezemidlalo kwisikolo saseGompo, eMonti, ekuthiwa yi-Ebenezer Majombozi High School. Umfanekiso: DSRAC

Siwelwe ngumqa esandleni isikolo samabanga aphakamileyo, iEbenezer Majombozi kwilokishi yaseGompo, eMonti, ngethuba sisithiwa jize ngeempahla zemidlalo entlobontlobo nguSekela Mphathiswa weSebe lezeMidlalo neNkcubeko kuZwelonke uNocawe Mafu, emsithweni obungoLwesibini kule veki.

Abanye babantu abebezimase umsitho baquka uMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo neNkcubeko eMpuma Koloni, uFezeka Bayeni, uVictor Pakade, uGideon Sam, uKhaya Majeke nabanye abantu.

IMajombozi sisikolo esidala, esivelise abantu abaziwayo noxa sisendaweni enabantu abahluphekayo. Phakathi kwezinto eziphiwe isikolo libala (combi-court) lokudlalela imidlalo efana nomnyazi, intenetya nezinto ezinxitywayo emidlalweni ngokwahlukana kwayo.

USekela Mphathiswa uthe isebe linenkqubo eqinisekisa okokuba abantwana bayayidlala imidlalo ezikolweni ngokuba lo nto xa ihambelana nezifundo ithi ibe nefuthe elihle emntwaneni xa ekhula.

“Sifuna iMajombozi igqwese kwezemidlalo futhi ibe yinto ebalulekileyo apha imidlalo. Xa ndiphinde ndeza apha; ndifuna inqununu ikwazi ukuthi nali iqela lomnyazi, nali elebhola ekhatywayo, nali eleqakamba, njalo njalo. Imidlalo xa idibene nezifundo zimenza umntwana agqwese ebomini futhi abengumntu olungileyo. Umntu uyalolwa yimidlalo ngoba imfundisa imbeko nokuyazi into efanelekileyo ngamaxesha onke,” utshilo uMafu.

“Silapha namhlanje kuba sifuna ukuthi kuni, xa usenza into; yenze ngokukhulu ukuzimisela. Ukuba udlala ibhola, yidlale ngathi uyaphambana. Ukuba udlala umbhoxo, wudlale kakhulu ukuze ubonwe ukuba uyawuthanda. Esi sikolo sivelise abantu abanefuthe entlalweni yethu. Sifuna ukuqinisekisa ke okokuba wonke umntu uyazingca ngeMajombozi. Soze kuphindwe kuthiwe “Yizo Yizo” kwesi isikolo,” utshilo uMafu, ovale intetho yakhe ngelithi uza kusifaka phantsi kwekhwapha lakhe ukuze abantwana baye kumaziko emfundo aphakamileyo.

Inqununu yesikolo, uVictor Pakade, iyibulele kakhulu into eyenziwe lisebe likarhulumente esikolweni sayo.

“Ukuba sifuna ukuphumelela thina bantu abamnyama; kufuneka sixabise abantwana bethu. Xa urhulumente ekwazi ukupha abantwana izinto zokudlala ukuze baphephe izinto ezingendawo, lo nto ithetha ukuthi wenza into entle kakhulu ebantwaneni bethu. Siyayibulela intsebenziswano ephakathi kwethu norhulumente ejolise ekubumbeni ikamva lenu bantwana bethu,” utshilo uPakade.