Intsumantsumane
ephakathi kwePremier
Ndoro ayikabinaso isisombululo. Namhjanje abaphathi bePSL bebebambe
intlanganiso yesikhawu eGoli – apho bebeqwalasela isigqibo senkundla
ephakamileyo esithe
endaweni yayo. Iqela laseKapa lathotyiselwa kumgangatho ongezantsi emva kokuba
yafunyaniswa idlalise uTendai Ndoro engafanelekanga kwisizini egqithileyo
ligqwetha uWilliam Mkhari owayenikwe uxanduva lokusombulula le ngxaki. UNdoro
wafika kwi-Ajax ekuqaleni kwalo nyaka yaphinda yamdlalisa nakubeni kukho
umthetho weFIFA othi umdlali akavumelekanga ukudlalela amaqela amathathu
kwisizini enye.
Isigqibo
sikaMkhari sathi i-Ajax mayithathelwe amanqaku amathathu kumdlalo ngamnye
kwemithathu eyayidlala kuyo nePlatinum Stars,
neSuperSport United. Ukoxuthwa kwalo manqaku kwayibeka emsileni i-Ajax. Zisuka
nje nayo i-Ajax yathi ngqe ukuya enkundleni ukuyophikisa eso sigqibo.
Intlanganiso yanamhlanje ibikhangela indlela eya phambi – kodwa akubangakho
sisombululo. Yiyo lo nto usihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza, exelele
iintatheli ukuba besisigqeba esikhokela iPSL – bagqibe kwelokuba babhenele
enkundleni nabo.
Nakubeni
kunjalo – kodwa lo nto iya kwenzeka emva kwentlanganiso eyakubanjwa ngomhla
weshumi elinesibini kule nyanga yeKhala. Ingxaki ejamelene nayo iPSL
ngokubuyiswa kwe-Ajax yile yokuba kukho iBlack Leopards ephumelele imidlalo
yokuxabangela (Play-Offs) eyibuyisele kwinqanaba eliphezulu kwibhola
ekhatywayo. Kulindeleke kuqale isizini entsha ekuqaleni kwenyanga ezayo – kodwa
kukhangela ngathi ayinakwenzeka lo nto ungekasonjululwa umba kaNdoro. Kwiveki
ephelileyo, uNdoro uye wakhululwa yi-Ajax ukuze azifunele iqela elitsha emva
kokuphelelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho.
‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’