Kukhethwe iMbombela Stadium yiPSL neMTN

Umdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8 Cup uzakudlalelwa eMbombela Stadium kwiphondo laseMpumalanga ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo kulo nyaka ka’2016.

Esi sigqibo sibhengezwe yiPSL phambi kokuqala komdlalo weMTN 8 obuphakathi kweMamelodi Sundowns neChippa United ngorhatya izolo eLucas Moripe Stadium.

Kokokuqala iMbombela Stadium ifumana ithuba lokusingatha umdlalo wokugqibela wolona khuphiswano olutyebileyo kwibhola yeli lizwe loMzantsi Afrika. Ingqonyela ebambeleyo yePSL, uMato Madlala, uthe balindele abantu baseMpumalanga neendawo eziyingqongileyo bawuxhase lo mdlalo wokugqibela weMTN 8 ngokupheleleyo.

“Thina siyiPSL, sineenjongo zokuqinisekisa ukuba ibhola ekhatywayo iya kwiindawo ezahlukeneyo ukuze abalandeli bakwazi ukufumana ithuba lokubukela imidlalo enje ngale.

Sinovuyo ukwazisa iMbombela Stadium njengendawo ezakusingatha umdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8.

Siyababulela bonke abaphetheyo eMbombela ngokubonisa umdla kuqala kunye nentsebenziswano esiyifumeneyo kubo ngethuba leengxoxo phakathi kwethu nabo.

Siyathemba izinto zizakuhamba kakuhle ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Siyababulela umxhasi wethu, uMTN,” utshilo uMadlala kwingxelo ekhutshwe yiPSL.

Umdlalo uzakuqala ngo’17:00 ngoMgqibelo weveki ezayo [01-10-2016], amatikiti alo mdlalo azakuthengiswa kuzo zonke iindawo ezithengisa amatikiti kwilizwe lonke.

Umdlalo uzakube uphakathi kwamaqela amabini: iMamelodi Sundowns neBidvest Wits.

Omabini la maqela ayifuna kakhulu le ndebe – oko akubonise kwindlela adlale ngayo imidlalo yayo ukusukela ngomhla wokuqala wolu khuphiswano.

Iqela eliphumeleleyo lakuthi lifumane indebe ekhatshwa yimali ezizigidi ezisibhozo zerandi(R8-million).