Kukude engqinibeni kwiSouthern Kings!

Lishumi lonke lemidlalo yombhoxo esele idlalwe liqela laseMpuma Koloni, iSouthern Kings, kwiPRO14 kule sizini.

Ukuphumelela umdlalo omnye kucacisa mhlophe okokuba kusekude engqinibeni kwiKings.

Eli qela lizinze eBhayi lisendaweni yokugqibela kwiPRO14 ngoba aliqhubi kakuhle emidlalweni yalo ekhaya nasekuhambeni.

Emidlalweni egqithileyo emibini, iKings ibethwe yiCheetahs kabini ngo31-30 no45-0 ngokulandelelana.

Indlela ekubethwe ngayo iKings emdlalweni obuseToyota Stadium kutshanje kubhence iqela elisengxakini enzulileyo kakhulu.

Umbuzo: Ingaba ingaphucuka na indlela edlala ngayo? Akukho mntu onempendulo yalowo mbuzo kodwa ukuphumelela kwayo imidlalo nokuba mibini kungenza umahluko omkhulu.

Ebusuku ngoLwesihlanu (21:35), iSouthern Kings iza kuswantsulisana nelinye lamaqela aphambili kwiPRO14, iMunster, emdlalweni oza kubanjelwa eIndependent Park kwilizwe laseIreland.

Umqeqeshi weKings, uRobbie Kempson, uthe ngeke kube nzima kakhulu ukuvuka kweqela lakhe emva kokungonjwa yiToyota Cheetahs emdlalweni odlulileyo eBloemfontein.

Umdlalo wangomso uza kunika abadlali bakhe ithuba lokuzibonakalisa xa bedibana neMunster eqhuba kakuhle kodwa ebethwe yiUlster ngo38-17 emdlalweni wayo wokugqibela kulo nyaka.

“Ngeke kube nzima ukuvuka kwabadlali ngoba sineqela labadlali abakhaliphileyo.

Ezintlanganisweni zethu, sisoloko sithetha ngendlela esinokuyiphucula ngayo indlela esidlala ngayo.

Abadlali bethu bomelele kwaye basoloko bekulungele ukudlala kakuhle ngoba balambele iziphumo ezihle. Kwakufanele ukuba siyibethile iCheetahs emdlalweni wokuqala eBhayi.

Siyayazi ukuba singadlala kakuhle kwaye akukho kusweleka kokuzithemba ebadlalini,” utshilo uKempson ethetha neentatheli kutshanje.

Umdlali oza kuphoswa ngumdlalo nguBader Pretorius odlala njengeflayihafu kodwa indawo yakhe iza kuthathwa nguDemetri Catrakilis.

“Ndiyakuvuyela ukubuya kukaDemetri kwaye ukudlala kwakhe kuza kusinceda,” utshilo uKempson.

Kulindeleke iKings ilwele amanqaku xa idlalela ekhaya namaqela afana neConnacht, iEdinburgh, iLeinster neScarlets.