Kuvulwe ngomgqumo weGusheshe kwaMnguni

Beludibene ndawonye ulutsha lwaseMonti kwiveki ephelileyo kwindawo yentselo entsha kwaMnguni, eScenery Park, emveni kokuthi cwaka isithuba esingangonyaka.

Wonke umntu ebebambe ongezantsi xeshikweni abaqhubi beeGusheshe (BMW 325i), beqhumisa uthuli, beshiya kunuka ivili esitalatweni.

“Yindlela esiziva sonwabile ngayo lena, futhi siyabona ukuba ngolu hlobo abantu siyakwazi ukubamanya ndawoni nye, sibonwabise ngaphandle kokubahlawulisa nesenti emdaka,” utshilo uMawande Maku.

Ababadlali balo mdlalo bawudlala bengenamxhasi, kwindawo nganye abaya kuyo kufuneka batywathe amavili kuba isisiqinisekiso into yokuba kwimizuzwana engephi azakugqabhuka kufuneke atshintshwe. Bathenga amavili asele esebenzile ngexabiso eliphantsi kuBra Dans okanye abaphe xa bewaxakekele kakhulu.

“Sinyamezele kulo mdlalo noxa usoyisa ngelinye ixesha, utya epokothweni, siye silungise imali eyileyo kwiR500 yamafutha xa sisiya konwabisa abantu. Xa uphelile umdlalo, iimoto zethu ziye zibenengxaki kwinjini, kwigiya okanye kwiklatshi. Lo mdlalo yinto etsala ulutsha oluninzi eMdantsane, eZiphunzana naseScenery Park. Ungayinto enokulikhupha lula ulutsha ezintweni ezimbi. Ezimoto siziqhuba ngesantya esiphantsi. Simenywa emitshatweni, nasezipatini nasemingcwabeni, zange satshayisa mntu kwimbali yethu, abafundayo sibafundisela ebaleni eMdantsane, abaqhubi apho kunetheko khona bade babeziincutshe. Owethu umnqweno kukufumana indawo yethu esinokwazi ukufundisela kuyo ulutsha olunomdla nolunesakhono, lungeka ngeni kwiziyobisi kuba luye luphelelwe lithemba xa lifumanisa ukuba sidlala ngeemoto zethu, esingokwazi ukufundisela kuzo,” utshilo uBravo, ebalisela I’solezwe.