Limfiliba ikamva likaTinkler kwiPirates

Ikhe phantsi isitya sigcwele i-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup. Ezimnyama zibethwe yiSuperSport United ngo’3-2 kumdlalo obumhle ngokumangalisayo ePeter Mokaba Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

Itsazise kuqala iPirates ngebhola entle efakwe nguLuyolo Memela. Ufumene ibhola entle ebisuka kwifolosi uTendai Ndoro. Kodwa kwimizuzu emithathu emva kwelo gowuli, uJeremy Brockie ufake elokulinganisa. Wavalela emnatheni elesibini uBradley Gobler – elesithathu lifakwe nguMichael Boxal. La maqela aye kwixesha lokuphumla Amatsatsa a Pitori ehamba phambuli ngo’3-1.

Nangona iPirates isiqale kakuhle isigaba sokuqala – kodwa iye yonganyelwa ziifolosi zeSuperSport ebezihlasela macala onke.

Khange ityhafe yilo nto iBucs. Ibuye ngamandla kwisigaba sesibini – kodwa uBaxter ubakhonkxile abadlali abafana noNdoro noMemela. Ifumene igowuli lesibini iBucs kwangoku kwisigaba sesibini ngempazamo eyenziwe ngumdlali weSuperSport. Ayikwazanga kodwa iPirates ukuwasebenzisa amathuba ewafumene kula mdlalo. Iimpazamo nokungasetyenziswa kwamathuba, yeyona nto akhala ngayo * -Eric Tinkler kwaye uthi bazikhalela bona ngokungaphumeleli kula mdlalo.

“Ndidane kakhulu, siziyekele kulo mdlalo. Sifumene igowuli kwangoko kamnandi. Bekufanele silikhusele ngakumbi kwimizuzu emihlanu emva kwalo – kodwa khange sikwazi,” utsho uTinkler. Kwisiqingatha sesibini yiyo iPirates ebilawula umdlalo. Kubenzima kwade kwasekugqibeleni ukudiliza udonga leqela likaStuart Baxter.

“Sizamile ukukhuthaza abadlali, akukhonto angayizamanga kwesi sesibini.

Ndibebuphoxeka zezinye zezigqibo ezithathwe ngusompempe,” utsho uTinkler. Eli ibilithuba lokugqibela likaTinkler nePirates lokuvala isizini kukho into – ngelishwa izinto azihambanga kakuhle.

Ikamva likaTinkler alicacanga njengokuba engaphumelelanga kwiNedbank Cup. Uwakhabile amahum-hum athi ufunwa ePortugal.