Lixesha lokuba iSpringbok siwakhwitshe amaNgesi

UMakazole Mapimpi weSpringbok esilwa ngebhola noStuart Hogg weBritish & Irish emdlalweni wovavanyo obuseKapa. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umdlalo wovavanyo wokugqibela ophakathi koMzantsi Afrika neBritish & Irish Lions uza kutaka iintlantsi, ufanele ngoba omabini amaqela afuna impumelelo. AmaBhokobhoko aza kudlala owona mdlalo unzima xa eswantsulisana neBritish & Irish Lions emdlalweni wokugqibela eCape Town Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo. Iqela ngalinye seliphumelele umdlalo omnye, ngoku kufuneka kubekho eliphumelelayo. Lixesha elihle lokuba iSpringbok siwakhwitshe amaNgesi ngabula Mampondo ukuze zicace iingangalala embhoxweni wehlabathi. Kwiqela loMzantsi Afrika elabuya nendebe yehlabathi, phantse bonke abadlali basekhona – kodwa ngoku umqeqeshi nguJacques Nienaber.

Ukulungiselela umdlalo omkhulu njengalo akufanelanga ukuba yinto enzima ngoba abadlali amakhwenkwe asanxanelwe impumelelo. Nakubeni kukho ukonzakala kwabadlali – kodwa uNienaber uthe uqule waligangatha watsho iqela lakhe liyilungele imfazwe eCape Town Stadium . “Aba ngabadlali abanethuba lokwenza imbali embhoxweni ngokuthi baphumelele kwakhona emva kokubuya nendebe yehlabathi,” utshilo uNienaber emva kokubhengeza iqela lakhe. “Wonke umdlali uyakuqonda ukubaluleka komdlalo kwaye akukho namnye odinga inkuthazo. Silungiselela umdlalo ekuza kusetyenziswa amandla kuwo. Ubalulekile umdlalo wangempelaveki kuthi ngokufanayo nakwiLions. Sizimisele ukusebenzisa onke amathuba avelayo emdlalweni. Amathuba anjena ayasonwabisa kwiSpringbok. Sizimisele ukulwela impumelelo,” utshilo uNienaber.

Zimbalwa iinguqu azenzileyo umqeqeshi ngenxa yokonzakala kwabadlali abafana noPieter-Steph du Toit noDe Klerk. Iindawo zabo ziza kuthathwa ngamadoda afana noLood de Jager noCobus Reinach. “Sibone kubalulekile kuthi ukuligcina iqela elidlale emdlalweni ogqithileyo ngaphandle kwabadlali abonzakeleyo,” utshilo uNienaber. Abadlali abafana noSiya Kolisi, uLukhanyo Am noMakazole Mapimpi kulindeleke basebenzise amava wabo abawafumene kwindebe yehlabathi emdlalweno wangempelaveki. Umdlalo uza kuphathwa nguMathieu Raynal waseFrance encediswa nguBen O’Keeffe noNic Berry okhe wagxekwa nguRassie Erasmus ngenxa yeempazamo azenzileyo emdlalweni wokuqala.