Lixhomekeke enkundleni ikamva leAjax

Isiqalo esitsha sesizini yeAbsa Premier Soccer League sisemngciphekweni wokumiswa namhlanje yiAjax Cape Town.

Eli qela laseKapa libhenela eNkundleni ePhakamileyo yaseGoli emva kokuba iPSL ingakwazanga ukusombulula umba otshisibunzi kaTendai Ndoro.

Le ntsumantsumane kaNdoro inexesha elide ingasombululeki. Lo nto yanyanzela iAjax ukuba iye enkundleni emva kokuba uMnumzana uWilliam Mkhari wagweba ngelithi iqela laseKapa maloxuthelwe amanqaku ngenxa yokudlalisa umdlali ngendlela ekhabanayo nomthetho weFIFA.

INkundla ePhakamileyo yasirhoxisa isigqibo sikaMkhari, yatsho isithi lo mba mawusonjululwe yiFIFA. Nayo iPSL isenkundleni – apho iphikisana neso sigqibo ikwafuna ingcaciso ecacileyo ngaso.

Ingqonyela yeAjax, uAri Efstathiou, ibisenkundleni ngoLwesibini apho ibiyokufaka isicelo ukuze ifumane isithintelo somthetho esiza kunqanda ukuqala kwemidlalo yePSL ngomhla wesine wenyanga ezayo, ungekasonjululwa umba weqela layo.

Yonke lo nto ihlehliselwe usuku lwanamhlanje ngoba nayo iPSL ifuna kuqwalaselwe esayo isicelo esingesigqibo senkundla.

Ngentsimbi yesithoba ekuseni, inkundla iza kuqwalasela isicelo sePSL, emva koko ichophele oweAjax ngecala emva kwentsimbi yeshumi elinanye.

Ingqonyela yePSL ithe yiPSL ebangele ulubaziseko ngoba iwaphendule kade amaxwebhu enkundla abesuka kwiqela lakhe.

“Siyinike iPSL amaxwebhu kwiveki ephelileyo ebi nokuwaphendula lula ngoLwesihlanu – kodwa iye yaphendula ngoMvulo. Yiyo lo nto ebangele kubekho ulibaziseko. Besinethemba lokufumana umkhombandlela namhlanje – kodwa kuyanyanzeleka ukuba sibonane nomgwebi uFischer ekuseni, siphinde sibonane nomgwebi uPhanuel Mudau. Yinto efanele ukulungiswa ngokukhawuleza le,” utshilo uEfstathiou ngoLwesibini.