Micho: IPirates iza kakuhle

Iintsuku ezimnandi zibuyile kwinkampu ye-Orlando Pirates – kodwa umqeqeshi wayo akafuni kuyikhwaza lo nto okwangoku.

Amabhakabhaka aphakathi kwamaqela aphambili kwi-Absa Premier Soccer League emva kokubetha iCape Town City ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki.

Igowuli lempumelelo lifakwe nguThabo Qalinge onikwe ithuba lokuvuselela ikhono lakhe phantsi kukaMilutin ‘Micho’ Sredojevic.

USredojevic ubancomile abadlali bakhe emva kokubetha iCity watsho esithi lisekhondweni elihle kule sizini.

“Ndifuna ukuncoma abadlali bethu emva kokudlala kakuhle. Ukujika ikona yeyona nto siyifunayo emva kwento eyenzeke kwisizini edlulileyo. Kuninzi ekufanele sikwenze – kodwa sisekhondweni elihle,” utshilo uSredojevic.

Kule veki iBucs ityelela iBidvest kumdlalo wePSL. Ngumdlalo lo ekulindeleke ukuba utsale umdla kakhulu.

Enye yezinto akwazileyo ukuyilungisa uSredojevic kwiPirates kukuvuza phaya emva – linye qha igowuli elifakwe kuyo kwimidlalo emihlanu.

“Asikafiki kodwa kwindawo esifuna ukuba kuyo ngokomdlalo wethu. Sizimisele ukwanelisa abalandeli bethu abasixhasayo. Siyazama ukuqinisekisa okokuba siyavala emva xa sidlala,” utshilo uMutsho.