Mourinho: Kutheni ndikhethe iManchester United

UJose Mourinho usicacisile esona sizathu sibangele akhethe iManchester United kwiveki ephelileyo.

Le ndedeba yaziwa kakhulu ebholeni kwihlabathi ityikitye iminyaka emithathu neRed Devils ngoLwesihlanu odlulileyo.

Lo rhasatsha kwicala lezokuqeqesha kwibhola ekhatywayo kulindeleke ahlale kude ibengunyaka ka’2020 ukuba izinto zimhambela kakuhle. UMourinho uthi uye kwiManchester United ngelona xesha lifanelekileyo.

“Ndivuya kakhulu, ndicinga okokuba eli lixesha kwikhono lam lokuthi ndiqeqeshe elinye lamaqela amakhulu ekufuneka ubani onikwe ithuba azilungiselele ngokupheleleyo,” utshilo uMourinho kwiMUTV.

Ukuqeqesha iqela elifana neManchester United akuyondlwan’ iyanetha – kodwa eliPhuthukezi lithi liwulungele lo mcelimngeni. “Eli lelona qela likhulu. Ngokokucinga kwam ke iqela elikhulu lifanelwe kukuqeqeshwa ngamadoda aphume izandla ekuqeqesheni. Ndonwabile, ndizingomba isifuba, ndiziva ndiwongekile – ndiyinto yonke.

“Kodwa eyona nto ndiyithandayo kakhulu mna ngumsebenzi – ndijonge phambili umhla wesixhenxe kweyeKhala endizakuqala ngawo,” itshilo le ndoda yaziwa kakhulu ngokutshambaza.

UMourinho ufika emva kokuba iManchester United iphumelele indebe yeFA phantsi kukaLouis Van Gaal othe wakhululwa ngabaphathi ngenxa yesizini engakhange ihambe kakuhle. Akayodyongo kwaphela uMourinho ngokuba unamashumi amabini anesibini ukuza kuthi ga ngoku eendebe phantsi kwegama lakhe.

Kwezondebe uqhayisa ngezimbini ze-Uefa Champions League kwaye uncwase ukubhala imbali entsha kwiManchester ngoku.

“Le minyaka mithathu ibebuhlungu kweli qela – kodwa ke into endingayithetha ngoku kukuba ndifuna ukuphumelela. Ndifuna inkxaso yabalandeli bonke nabadlali ukuze lo nto yenzeke,” uvale ngalo mazwi uMourinho.