Umqeqeshi weBlitzboks, uNeil Powell, ebeligcwabevu ngumsindo emva kokuba amakhwenkwe wakhe ewe phantsi kwinzame zawo zokukhusela itumete yeSydney Sevens. Iqela labadlali abasixhenxe lomboxo loMzantsi Afrika lihlazwe yi-Austalia ngethuba libethwa kanobom ngo’29-0. Awuqale ehlasela ngamadla amakhwenkwe kaPowell kodwa abengavumi tu amakhwenkwe e-Australia. URosko
Specman utyhalwelwe ngaphandle sekufuphi emgceni kwimizuzu esixhenxe yokuqala yalo mdlalo. UPowell uthi bebenalo ithuba lokuwuphumelela umdlalo: “Siwuyeke ngokwethu umdlalo, besinalo ithuba lokuwuphumelela. Andiyazi into eboyisileyo namhlanje”, utshilo uPowell.
Impumelelo ye-Australia yeyokuqala emva kweminyaka
elishumi elinesithandathu kule tumente. Zisankqenkqeza phambili kwiLog nangona
zibethiwe iiBlitzboke. Zinamanqaku ayi-58, zilandelwa yiNew
ehleli ku-54, i-Austalia ihleli kwindawo yesithathu ngamanqaku ayi-43.
Ezinye iziphumo zeSydney Sevens: i-Argentina iphumelele
imbasa yeBronze emva kokubetha i-USA ngo‘31-10, iNew
ibambe indawo yesihlanu kule tumente emva kokubetha iFiji ngo’31-10. Imidlalo yeHSBC World Seven Series izakudlalwa kwilizwe laseNew
‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’