Serena: Kumnandi kakhulu ukuphumelela iWimbledon

USerena Williams uphindile kwakhona! Le ntokazi engurhasatsha kwintenetya yamanina izenzele imbali kwakhona ngempelaveki ngokuthi iphumelele iGrand Slam ityeli lamashumi amabini anesibini ngempelaveki eCourt Centre.

Ngoku ulingana ncamashi negqala lentenetya uSteffi Graf. USerena uphumelele indebe yakhe yesixhenxe kwiWimbledon ekwindawo yokuqala ngokwamanqwanqwa ehlabathi. Ubethe umdlali ophantse wamsokolisa * -Angelique Kerber kumdlalo wamagqibela kankqoyi ngoMgqibelo ngo: 7-5, 6-3.

UKerber, waseJamani ngokuzalwa, ukhe waxhathisa emdlalweni, kodwa ngenxa yamandla namava kaSerena uye wanikezela. “Kumnnandi kakhulu kum ukuba kwindawo endikuyo. Oko * -Angelique undenza ndidlale intenetya esezingeni eliphezulu,” utshilo uWilliams emva komdlalo.

Le ntokazi yawa seyikufutshane ngo-2015 emva kokubethwa kwi-US Open, Australian Open nakwiFrench Open. Nangona kunjalo, uSerena Williams uyayivuyela indebe yakhe yamashumi amabini anesibini kakhulu. “Ewe, kumnandi kakhulu ukufumana iWimbledon ityeli lamashumi amabini anesibini, kudala kakhulu ndizama ukufikelela kuyo. Ekugqibeleni, imbali yenzekile, imnandi lo nto kakhulu,” utshilo uWilliams.

Le ntokazi ithi zange ikuvumele ukubethwa kwayo eNew York, eMelbourne naseParis kuyitheze amandla, endaweni yoko iqinise ngakumbi emdlalweni wayo. UKerber uvumile ukuba uSerena yintshatsheli evunyiweyo. Belubhalwe ebusweni kuSerena Williams uncubo ngethuba ephakamise ipleyiti yakhe ebikhatshwa yitsheki yezigidi ezibini ezinesiqingatha zeedola zaseMelika [$2,5-Million].

Khange kuphelele apho ngoba uSerena uye wahlangana nosisi wakhe uVenus babetha uTimea babos noYaroslava Shvedova ngo:6-3, 6-4 baze baphumelela indebe yeWimbledon edlalwa ngabantu ababini.