‘Sikulungele ukudlala namazwe aseYurophu!’

Urhulumente wesininzi uze nengunqu eMzantsi Afrika ukusukela ngonyaka ka1994.

Enye yeenguqu ezincomekayo kukuza nomthetho kamakulinganwe nonika amanenekazi ilungelo elipheleleyo lokwenza zonke izinto ezazifudula zisenziwa ngamadoda kuphela. Umdlalo wombhoxo yenye yezinto eyayifudula isenziwa ngamadoda kuphela.

IBorder yenye yeengingqi ezinabadlali abaninzi abangamanenekazi embhoxweni eMpuma Koloni.

IBorder Woman lelona qela lombhoxo lamanenekazi elinkqenkqeza phambili kwi-Inter Provincial League.

Eli qela laseBorder liyiphumelele amatyeli amane indebe ukusukela mhla yasungulwayo kwiminyaka emithandathu eyadlulayo.

Elinye iqela eliyingcamlileyo impumelelo yiWestern Province ephumelele izihlandlo ezibini.

Nangona liqhuba kakuhle eli qela, iingxelo zithi ngabona badlali bahlawulwa kancinci. Kodwa lo nto ayibatyhafisi abadlali ngoba isixhenxe sabo siyinxalenye yamaBhokobhoko aza kudlala kwizwekazi laseYurophu.

Usekela Kapteni weBorder, uZintle Mpupa, uthi banentshisakalo engummangaliso ngombhoxo.

“Awululanga umbhoxo wamanina kodwa ukuwuthanda kukwenza unyamezele nangona ikhona ingxaki,” utshilo.

OkaMpupha ukholelwa kwelokuba iqela lakhe liyilungele imidlalo.

“Kudala sisekampini. Ndiyakholelwa ukuba siyilungele yonke imidlalo,” utshilo uMpupha.

Iqela lesizwe linduluke ngoMvulo lisingise eNgilane – apho liza kungquzulana neUK Armed Forces ngomso. Ngomhla weshumi kule yeNkanga,

Amabhokobhoko aza kunyathelana neWales, iSpain agqibezele ngomhla wamashumi amabini anesihlanu ngomdlalo wovavanyo ne-Italy.

Basixhenxe abadlali beBorder abaqukwe kwiqela lesizwe. NguZintle Mpupha, uLusanda Dimke, uXolelwa Diliza, uAphiwe Ngwevu, uSnenhlanhla Shozi, uYonela Ngingxolo noFundiswa Platjie. Kanti naye ukapteni, uNolusindiso Booi, ungumdlali obedlalela iBorder phambi kokuya kwiWestern Province.