UBaxter uza kuvavanya abadlali abatsha eZambia

IBafana Bafana izakube iyinxalenye yetumente yamazwe amane eqala ngoLwesine iphele ngeCawe kwilizwe laseZambia.

Umqeqeshi weBafana, uStuart Baxter, uchonge abadlali abatsha abaliqela azimisele ukubanika ithuba lokudlala namazwe angoomakhelwane afana neZambia, iZimbabwe neAngola.

Nakubeni uBaxter enomnqweno wokuvavanya abadlali abatsha ababizele kwiqela lesizwe – kodwa unoxanduva lokuqinisekisa ukuba wakha iqela eliluqilima.

Njengokuba uMzantsi Afrika ungakwazanga ukuya kwindebe yehlabathi (2019 FIFA World Cup) ezakube iseRussia kwinyanga yeSilimela – ngoku umqeqeshi weBafana Bafana kufuneka aqinisekise ukuba ilizwe liyaya kwitumente yamazwe ezwekazi le Afrika (Africa Cup of Nations).

UStuart Baxter yindoda engoyikiyo ukuzama izinto ezintsha ezinokuncedisana neqela – kodwa ngoba le midlalo ifike ngexesha elibi lokuphela kwesizini yePSL, kufuneka aqinisekise ukuba uyakuphepha ukonzakala kwabadlali.

“Sigqibe kwelokuba sinike wonke umdlali ithuba lokudlala kule tumente. Andifuni uRamahlwe Mphahlele abuyele eqeleni lakhe edlale imidlalo emibini kwisithuba seentsuku ezintathu (utsho ezekelisa). Abadlali abadala babalulekile ngoba ngabo ababonisa indlela abatsha. Ndiyafuna ukuphumelela, nelizwe lilindele impumelelo kuthi – kodwa yonke into kufuneka siyenze ngononophelo,” utshilo uBaxter koonondaba ekuqaleni kwale veki.

UMphahlele, ohleli iinyanga eziliqela ngaphandle kokudlala ibhola, ubuyela kwiqela likaBaxter emva kokudlala kakuhle kwiKaizer Chiefs. Lo kaMphahlele ngomnye wabadlali ekulindeleke kujongwe kubo xa iBafana Bafana izama ukuphumelela le tumente yamazwe amane. URama uthe iqela lisakhathazwe kukungayi kwiFIFA World Cup – kodwa wathi alikho ixesha lokuhlala kulo nto.

“Xa ungumdlali kufuneka uvuthulule uye phambili emva kokuwa. Akufuneki abadlali abatsha basifumane sisathe khunubembe. Kufuneka sibakhuthaze ukuze bazibone ukuba bangalinceda iqela lesizwe,” utshilo uMphahlele.

UMzantsi Afrika udibana neAngola kumdlalo wokuqala ngoLwesine ngentsimbi yesithathu, iZambia ixikixana neZimbabwe kumdlalo wokuqala ngentsimbi yokuqala eLevy Mwanawasa Stadium.

Oonozinti: Itumeleng Khune, Darren Keet, Brendon Peterson.

Abasemva: Reeve Frosler, Ramahlwe Mphahlele, Thulani Hlatshwayo, Motjeka Madisha, Daniel Cardoso, Buhle Mkhwanazi, Innocent Maela, S’fiso Hlanti.

Esiswini: Dean Furman, Siphesihle Ndlovu, Kamohelo Mokotjo, Teboho Mokoena, Bongani Zungu, Aubrey Modiba, Sibusiso Vilakazi, Thembinkosi Lorch, Keagan Dolly, Phakamani Mahlambi, Themba Zwane

Iifolosi: Percy Tau, Lebo Mothiba, Ryan Moon