Ubuyele kwiPremiership uVan Heerden

IChippa United iyaqhubekeka nokuqinisa iqela phambi kokuqala kwesizini entsha yePremier Soccer League. Ngaphandle kwaba badlali batyikityiweyo, ngoku eli qela lengeze umdlali odlala emva ekhohlo uMarc van Heerden elimathathe eThekwini kuSuthu, AmaZulu.

UVan Heerden otyikitye isivumelwano seminyaka emibini, uzakubuyela kwiPSL emva kokugqiba isizini ephelileyo, edlala kwiNational First Division noSuthu. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesibhozo uhleli iisizini ezisibhozo kuSuthu, esuka kwi-University of Pretoria ngo’2008. Udlale imidlalo emihlanu kwiqela lesizwe iBafana Bafana.

Usihlalo weChippa uSiviwe Mpengesi uphefumle wenjenje: “Siyavuya ukwazisa ukuba sityikitye lo mdlali. Ukhe wadlala kwiBafana Bafana, kwaye uzakulomeleza iqela.” IChippa iphantse yalitshintsha lonke iqela xa ujonga inani labadlali abatsha abanatyikityiweyo. Eli qela lifake abadlali bePirates uThebinkosi Lorch, Mpho Mvelase noMenzi Masuku, nangona uMasuku kuvakala ukuba akonelisekanga sisigqibo sokuba iPirates ibolekise ngaye.

Abanye abadlali abatyikityiweyo ngowayedlala kwiSantos uXolani Mdaki, noMbulelo Wambi osuka kwiVasco da Gama, uShewin Bailey noSizwe Mdlinzo weCape Town All Stars. Ngaphambili kanti iChippa ingqine ukuba ifumene umdlali weKaizer Chiefs uBongani Ndulula emva kwengxelo kwiinyanga ezidlulileyo. Abanye abadlali abasuka kwi-All Stars nabo nguTshwarelo Bereng noPaseka Mako. Esi sibini sizakube sidibana nomqeqeshi waso wangaphambili uDan Malesela.