UComitis umchaza njengenkcutshe uTinkler

ICape Town City ibhiyozela ukuphumelela indebe yeTelkom Knockout Cup, emva kokubetha iSupersport United kowamanqam, ngomhla weshumi kweyoMnga ePeter Mokaba Stadiumumfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

UJohn Comitis ubuye ngamandla! Kwibhola ekhatywayo. Kwiinyanga nje ezintandathu iqela lakhe likhona, lenze umsebenzi omkhulu kakhulu.

Mhlawumbi lo nto yenziwe kukudibana kweengqondo phakathi kwakhe no-Eric Tinkler – eyona ndoda ibalulekileyo kwiphulo lakhe lokukhulisa iqela lakhe kwibhola yaseMzantsi Afrika.

UComitis uzingomba isfuba emva kokuba iCape Town City iphumelele indebe yeTelkom Knockout ngokubetha iSuperSport United ngo’2-1 ePeter Mokaba Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. Abadlali kuthiwe bazakwabelane ngezigidi ezibini zeerandi (R2-million) kwezo zine (R4-million) ehamba nendebe.

Le yindebe yokuqala kwimbali yeeCitizens. Imonwabisile le nto uComitis ngoba iqinisa iimbono neengcinga anazo ngeli qela emva kokuthenga iMpumalanga Black Aces kwiinyanga ezintandatu ezidlulileyo.

Kothuke wonke umntu ebholeni – kodwa impumelelo ihambelana nomnqweno namava wakhe uComitis ebholeni.

Uwuncomile umsebenzi kaTinkler. “Ndonwabe kakhulu. Abadlali badlale umdlalo ophucukileyo kakhulu – phofu kudala beyenza lo nto,” utshilo uComitis emva komdlalo.

“Yonke idolophu yaseKapa iyasixhasa. Khange ndicinge ukuba singaphumelela kwakamsinya kangaka. Ndiyazi ukuba siyaxhaswa eKapa, yiSAFA Cape Town nabanye abantu; ndiyayibulela lo nto,” utshilo uComitis.

Emva kokuba efumane indebe yakhe yokuqala uTinkler – wonke umntu ngoku uzakumhlonipha emva kokubetha amaqela amakhulu nangona uninzi belucinga ukuba akanokumoyisa uStuart Baxter – ungqondongqondo webhola ohlonitshwa eMzantsi Afrika.

UTinkler usebenze kwiBidvest Wits ne-Orlando Pirates – apho aphoswe ziindebe kabini kuyo kwisizini edlulileyo.

“Ndibenethamsanqa kweli tyeli lesithathu. Ndinebhongo ngomsebenzi owenziwe ngabadlali. Ukusebenza kwabo kuze neziphumo ezihle. Kuyandichulumancisa esikwenze kwelixeshana lifutshane kangaka – kodwa inyaniso mayithethwe; le mpumelelo isifanele. Kufuneka siqhubele phambili nokuphumelela imidlalo yePSL ke ngoku,” utshilo uTinkler.

pedro.mapelo@inl.co.za