UDa Gama uzingomba isifuba ngoMacbeth Mahlangu oye kweye-Olimpiki

UMacbeth Mahlangu ngumdlali wasemva weTS Galaxy. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weTS Galaxy, u-Owen Da Gama, uzingomba usifuba ngabadlali bakhe abakhwetyelwe kumaqela esizwe ohlukeneyo, ingakumbi uMacbeth Mahlangu oza kumela uMzantsi Afrika (SA Under-23) emidlalweni ye-Olimpiki. UMahlangu ngumdlali oneminyaka elishumi elinethoba owalibamba ngezandla zozibini ithuba awalinikwayo yiTS Galaxy emva kokubonwa ngusihlalo wayo uMnu. Tim Sukazi. Kwisizini yakhe yokuqala kwiDStv Premiership, uMahlangu ube ngomnye wabadlali abathe baziqaqambisa kwiTS Galaxy. Yiyo lo nto echongwe nguDavid Notoane oqeqesha iqela eliseTokyo, eJapan. UDa Gama, ongumqeqeshi wakhe, uthi uyazingca ngomdlali wakhe oya kwi-Olimpiki.

“Ndizingomba isifuba ngoMacbeth ngoba weza nosihlalo apha kwiTS Galaxy. Wenze umsebenzi oncomekayo kwisizini ephelileyo. Ungumdlali onomoya ophantsi ebaleni, onamendu, omhle kakhulu kwiibhola eziphezulu futhi uyakwazi nokukhaba ngeenyawo zombini. Ndibona ikamva eliqaqambileyo kakhulu kuMacbeth,” utshilo uDa Gama, owangena endaweni kaDan Malesela owaqala isizini kwiTS Galaxy. Ukumela ilizwe emidlalweni ye-Olimpiki yinto enkulu kakhulu futhi elangazelelwa ngabadlali bonke ngoba kulapho babonwa khona ngamaqela aseYurophu. Kuba uMacbeth usemncinane, uDa Gama umnike umyalezo othi makadlale ngendlela aqhele ukudlala ngayo.

“UMahlangu makadlale ngala ndlela wadlala ngayo ngokuya wayeqala ukudlala kwiPSL. Makathi chu, adlale ngathi udlala neChiefs. Ndiyakholelwa ukuba umdlali sube ekulungele ngokupheleleyo ukumelana nokuba ngubani ehlabathini xa ekwazi ukuqubisana neChiefs, iPirates neSundowns. Makaye kwi-Olimpiki, onwabele imidlalo ngendlela aqhele ukudlala ngayo. Ithuba alifumeneyo liza kanye eminyakeni emine futhi abanye abakwazi ukulifumana,” utshilo uDa Gama, okhe wasa iqela lesizwe emidlalweni ye-Olimpiki eminyakeni egqithileyo. Abanye abadlali beTS Galaxy bayinxalenye yaBafana abamele uMzantsi Afrika emidlalweni yeCosafa esingathwe yidolophi yaseGqeberha. Abadlali beqela likaDa Gama basenkampini – apho balungiselela khona isizini entsha ekulindeleke iqale kwinyanga ezayo.