UFunani uthi mabanikwe ithuba abaqeqeshi bePirates

Bethusile Funani

I’solezwe lesiXhosa lihleli phantsi nesitshovutshovu somlandeli weOrlando Pirates olixelele ngendlela awaqala ngayo ukuyilandela. UBethusile Funani ufuna banikwe ixesha abaqeqeshi beqela lakhe.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo?

Bethusile Funani: Iqela endililandelayo yiOrlando Pirates. Labuya nodumo eAfrica ngo1994, kukho okwanditsalayo. Kaloku yaba liqela lokuqala kwiPSL elaphumelela indebe yeCAF. Ndajonga ukuba imbali yeli qela ithini na kwaye ndafumanisa ukuba liqela elingenalawulo oluhesheheshe.

NT: Ngubani umdlali omthandayo?

BF: Oyena mdlali endimthandayo nguHappy Jele ngoba ungumdlali ozimiseleyo. Ukuwongwa kwakhe ngobuKapteni zange kundothuse. Ukuba ukhumbula kakuhle, kukuphela komdlali ongazange walifumana ikhadi elibomvu, oko ke kuthetha lukhulu ngokuziphatha kwakhe. Lo mdlali ungaphaya kweminyaka elishumi edlalela iPirates ngokuzinikela.

NT : Ingaba yintoni oyinqwenelela iqela lakho kule sizini?

BF: Nanjengoko sisazi ukuba akukudala lifumene umqeqeshi nesekela, ngako ke asikalindeli ziphumo zincumisayo. Kungako sifuna ukubanika ixesha eloneleyo lokudibanisa abadlali. Silindele ukuba iqela lethu lithathe kuphela indebe yePSL neyeCAF. Ndicinga ukuba iqela linabadlali abakulungeleyo ukulwela iindebe.

NT: Uziva njani ngabadlali abathengiweyo?

BF: Ndiziva ndichulumancile. Iqela lithenge abadlali abalishumi, endikuthandayo ke kukuba ngabadlali abaphume izandla kwaye abancede amaqela wabo.

NT: Ingaba iyakonelisa indlela abaphatheka ngayo abaxhasi bebhola?

BF: Indonelisa kakhulu, qha ndirhalela kulungiswe indlela yokuzivakalisa izikhalazo xa abalandeli bengoneliswa ngumqeqeshi. Ukhumbule kungaphela kusonzakala abantu abangenzanga nto.