UGcina ucelela iqela lakhe elisokolayo inkxaso

Iqela laseNgcobo ekuphela kwalo elidlala kwiSasol League Inland Stream, iEluhewini Ladies, lidlalela ukuya kwiNational Women’s League kwisizini ezayo.

Kodwa ukuze kuphumelele isicwangciso, iEluhewini Ladies idinga abaxhasi abaza kuyincedisa ngezimali.

Eli qela lebhola ekhatywayo lamantombazana lasungulwa nguDumisani Gcina ngo2015 emva kokugqwesa kwabadlali baseNgcobo kwitumente yezikolo eyayibanjelwe kwaZulu-Natal.

Kuloo tumente, babechongwe yiMpuma Koloni ukuze babeyinxalenye yeqela labafundi bephondo.

Lo nto yakhulisa umdla kuGcina owaphetha ebhalise iqela lakhe akwangumqeqeshi walo kwiSAFA. Ngo2016, laye lanyuselwa kwiSasol League iqela lakhe emva kokuqhuba kakuhle.

Umfo kaGcina, okwangutitshala kwezinye zezikolo zaseNgcobo, uthi ufuna ukubona iEluhewini Ladies idlala kwiNational Women’s League kodwa udinga abaxhasi abanokumncedisa.

Imali efunyanwa kwiSasol League uthi ayizoneli izidingo zeqela kwaye angavuya ukuba angafumana abaxhasi abanokuncedisa. Abazali nabo bayazama ukuncedisa ngemali.

“Ezona zinto sibethakala kuzo kukukhwelisa abadlali nokubatyisa ngeemini zeenkampu nangemini yomdlalo,” utshilo uGcina.

Uthe banabadlali abakwezinye iidolophu ekubanzima ukufika ngemini yomdlalo ngenxa yokungabinayo imali eyaneleyo. Ngamanye amaxesha abadlali bakhe bangatyi emva komdlalo.

Wongeze ngelithi imeko yeqela ingabanefuthe elibi kwizicwangciso zalo zesizini entsha eza kuqala kwiinyanga ezimbalwa ezizayo.

Nangona iqela lijongene nobunzima, kodwa aliyekanga ukuphuhlisa italente yabadlali.

Kungokunje linabadlali abangaphaya kwesixhenxe abadlalele iqela leMpuma Koloni lezikolo kwiminyaka edlulileyo.

Phakathi kwabo badlali kukho uOyisa Marhasi odlalela iqela lesizwe labadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesixhenxe.

IMpuma Koloni imelwe liqela elinye kwiWomen’s National League emva kokuba iThunderbirds Ladies ingazange iphumelele kwinyanga yoMnga.