Uhleke waqikileka ngomqolo uCoetzee

Umqeqeshi weSpringboks * -Allister Coetzee umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umqeqeshi weBoks, * -Allister Coetzee, uhleke waqikileka ngomqolo akuva iingxelo ezithi iintsuku zakhe zibaliwe njengomqeqeshi weqela lesizwe.

Ezi ngxelo zithe ndii phambi kwemidlalo yaMaBhoko-bhoko emibini egqithileyo.

Nangona iqela lakhe likwazile ukuyibetha iFrance ne-Italy kwimidlalo yovavanyo – kodwa kuvakala amarhe athi ikamva lakhe alicacanga kakuhle.

Kangangokuba kukho into ethi angayo kuqeqesha iqela laseJapan. UCoetzee ube phantsi koxinizelelo kwiqela lesizwe emva kokuhlazwa kweqela lakhe yiNew Zealand, Ireland ne-Australia kwimidlalo yeRugby Championship kwiinyanga ezidlulileyo.

“Ndiyaya eJapan. Kodwa ndakube ndiphaya ngo-2019,” utshilo uCoetzee.

“Bendingathanda ukuwazi umthombo wezi ndaba zokugxothwa kwam. Ndinesivumelwano sengqesho neSA Rugby esiphelelwa ngo-2019 kwaye ingqondo yam ikumdlalo olandelayo neWales. Emva kolu tyelelo lwaseYurophu, kulindeleke sihlale phantsi neSaru sijonge indlela esisebenze ngayo,” utshilo uCoetzee kumajelo eendaba.

Emva kokubethela oogqirha nezicaka i-Italy ngo’35-6 kwiveki ephelileyo, ngoku AmaBhoko-bhoko ajonge ukunqwamza iWales kumdlalo ongoMgqibelo kwisixeko saseCardiff.

Abadlali abaphambili, uSiya Kolisi noMalcolm Marx, baqale ngoMvulo ukuziqeqesha neqela lesizwe bekwancwase ukuba yinxalenye yeqela eliza kuqubisana neWales.

UKolisi ebethe tsi ekhaya emva kokufumana umntwana omtsha, kanti yena uMarx wonzakala egxalabeni ngethuba iiBoks zidlala neFrance.

Umdlali othandabuzekayo ukuba angakhona kumdlalo ozayo nguTendai “The Beast” Mtawarira othe wonzakala kumdlalo weveki ephelileyo.

UCoetzee uwancomile kakhulu amakhwenkwe wakhe emva kokubetha i-Italy kumdlalo odlalwe kunetha.

“Umdlalo ubumhle kakhulu phantsi kwezo meko bezimanzi. Andiqondi abantu bayayiqonda into yokuba sidlale nzima kwiveki ephelileyo. Kule veki sizakube sidlala neqela lamaWelsh enomqeqeshi okrelekrele nabadlali abanamava kakhulu. Kufuneka sizimisele kakhulu,” utshilo uCoetzee.