UHlosi usakhutyekiswe kukubethwa kweChiefs

Bongezwa hlosi

Usakhubeke nangoku umlandeli omkhulu weKaizer Chiefs emva kokubethwa kwayo yiOrlando Pirates kwiveki ephelileyo.

UBongezwa Hlosi uphalaze imbilini yakhe ngedabi laseSoweto – kwangaxeshanye, uxelele I’solezwe lesiXhosa ngothando neyona nto eyamtsalayo kwiChiefs.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL?

Bongezwa Hlosi: Mna ndizithandela iKaizer Chiefs. Into eyanditsalayo ndandithanda uDoctor Khumalo noShoes Mosheou.

NT: Ngoobani abadlali obathandayo kwiKaizer Chiefs?

BH: NguSphelele Ntshangase noEkstein. Eyona nto endiyithanda kubo yindlela abazimisela ngayo xa benikwe ithuba lokudlala ebaleni.

Besisancoma sisithi iqela likamqeqeshi Solinas liyadibana kodwa asazi konakele phi ngoku. Abadlali basemva esinabo kwiKaizer Chiefs bayandikhalisa mna, futhi ngokokwam ukubona uKhama Billiat noCastro ingase bebewugqibile umdlalo wedabi laseSoweto. Ngebengawuqalanga umdlalo ngoba bebonzakele.

NT: Njengomthandi omkhulu waMakhosi, uwanqwenelela ntoni kule sizini?

BH: Ndisoloko ndilinqwenelela impumelelo iqela; ndiyiKaizer Chiefs.

NT: Lityeli lesine iChiefs itywatyushwa liBhakaniya. Ingaba uziva njani emva komdlalo?

BH: Bendikhathazeke kakhulu ngoMgqibelo. Phambi komdlalo bendinethemba noko ndisithi kwesi isihlandlo sobe sincumile emva kwexesha elide sikwisomiso esingancumisiyo sileli qela.

NT: Zeziphi iindebe ozijonge ngamehlo abomvu kule sizini?

BH: YiTelkom Cup neNedbank. Noko kuba akukubanga kakhulu wena kweli qela; kukulungisa nje apha naphaya. Ithemba lisekhona; enye yazo siza kuyifumana nakanjani. Ingakumbi iTelkom yona sesiyiqalile uyidlalela nePSL.