UKaitano Tembo uthi ubathembile abadlali bakhe

Kaito Tembo, coach of Supersport United during the 2018 MTN8 final stadium announcement at Supersport Studio 6, Johannesburg on 10 September 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokusinda
ezembeni kwisizini egqithileyo, ukufikelela kumdlalo wokugqibela weMTN 8 kunika
iSuperSport United nomqeqeshi wayo uKaitano Tembo ithemba lezinto ezintle
isizini isaqala. Kwangaxeshanye, le nto iqinisa isigqibo esathathwa ngabaphathi
beSuperSport sokunika uTembo ithuba lokuxhuzula imikhala ngokupheleleyo. Le ndoda
yaseZimbabwe inethuba elihle lokukhula ebholeni ekhatywayo njengomqeqeshi ukuba
iqela layo liyakwazi ukubetha iCape
Town City

kumdlalo weMTN 8 ekulindeleke ube nzima kakhulu eMoses Mabhida Stadium. Kunyaka
ophelileyo, iSuperSport United yagoduka nayo indebe emva kokubetha iCity –
kodwa ingxaki ingakhona namhlanje ngoba ikhangela impindezelo.

UTembo unexesha
elide eqeqesha iSuperSport emva kokuhamba kuka-Eric Tinkler ekuqaleni kwalo
nyaka. Indlela abadlala ngayo abadlali ibonisa mhlophe intsebenziswano
nokuzimisela okukhoyo phakathi kwabadlali nabaqeqeshi. “Ndizamile ukulungisa
iqela kangangoko ndinako. Ndibathembile abadlali endinabo; yiyo lo nto
ndingazange ndenze iinguqu ezininzi ekuqaleni kwesizini. Ndingene esikhundleni
ndibazi abadlali nomsebenzi abanokuwenza ebaleni. Abantu abayiqapheli into
yokuba aba badlali babephelile tu ngethuba befikelela kwimidlalo yokugqibela
yeCAF Confederation Cup kunyaka ophelileyo,” utshilo uTembo ethetha neentatheli
eThekwini.

“Yazi xa
ubethwe kumdlalo onje ngalowa emva kokuba ukhuphe amandla wakho wonke –
konakala yonke into. Kwenzeka lo nto kuthi kwisizini egqithileyo. Xa ujonga
iqela ukude, soze uyibone lo nto,” utshilo uTembo.

Umsebenzi
wam kukuzama ukubuyisela amandla weqela emva kokuqongqotheka kwawo kwimidlalo
emininzi yeCAF kunyaka ophelileyo. Abadlali ekulindele ithembele kubo
iSuperSport baquka uReneilwe Letsholonyane, uDean Furman no-Evans Rusike.