UKhonco wongeze intshinga ye-IBO

Amava kunokwenzeka kuthi kanti yenye yezinto ezibethe uSiyabonga Siyo kumlo obuphakathi kwakhe noSimphiwe Khonco ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo. UKhonco ulwe kakuhle kula mlo waze wayintshatsheli entsha ye-IBO minimum weight emva kokubetha uSiyo ngamanqaku.

Zisuka nje kulo mlo la matyendyana aphuma kweli phondo leMpuma Koloni athe axhimfana kwanzima futhi ezibonakalisa amandla anawo omabini. Kodwa uKhonco nguye oye wathi kratya ngenxa yamava kakhulu kwaye amanqindi akhe ebenyanzelisa uSiyo azikhusele ixesha elininzi.

Imijikelo emininzi ebeyilawula uKhonco, kwaye intswahla ibisenziwa ngabalandeli ibibonakalisa ukuba uphumelele.

USiyo ukwazile ukuziphendulela kwimijikelo emithathu apho bekubonakala ukuba isekhona intlantsi.

UKhonco kodwa ukwazile ukuwulawula umlo kwaye neqonga ebelisebenzisa kakuhle kakhulu.

Lo ngumlo wokuqala abethwe kuwo uSiyo kwimilo yakhe ayilwileyo elishumi elinanye. Nangona ekugqibeleni ephumelele uKhonco, wona umlo ubungelulanga nakuye. Yiyo lo nto umlo utsale ixesha elide.

Komnye umlo uKevin Lerena ubethe uRoberto Bolonti ngamanqaku kumlo wentshinga yeCruiserweight onemijikelo elishumi.

Zonke iijaji kulo mlo ziwunike uLerena ngokwamanqaku kuba oko ebewulawula umlo ukusuka ekuqaleni. Amanqindi akhe asuka kwisandla sasekhohlo ebefika ahlale ebusweni kuBolonti.

Komnye umlo wodidi olungezantsi * -Ayanda Nkosi ubethe uJoshua Studdard ngamanqaku xa bebesilwela intshinga yejunior featherweight.

chris.gilili@inl.co.za