UKhoza ubulela elinye ithuba!

Usihlalo we-Orlando Pirates, uGqirha Irvin Khoza, uthi uziva ewongekile emva kokonyulwa njengosihlalo weNational Soccer League kwakhona ekuqaleni kwale veki.

INational Soccer League ibambe intlanganiso yayo eJohannesburg ngoLwesibini – apho ixovule imiba eliqela equka izimali zalo mbutho. Ethetha emva kwentlanganiso uKhoza uthe: “Ndichulumancile ukunikwa uxanduva lokuqhubela phambili ngamalungu alo mbutho. Ndiyawamkela amalungu amatsha onyuliweyo. SiyiPSL, ndiyakholwa ukuba sisekhondweni elihle. Siyakhula – kodwa asiyekanga ukusebenza.”

UKhoza uhleli kwesi sikhundla ukusukela ngo-2002.

Amanye amalungu ekomiti yePSL:

David Thidiela (Black Leopards) Jose Ferreira (Bidvest Wits) Khumbulani Konco (Bloemfontein Celtic) Kaizer Motaung (Kaizer Chiefs) Mato Madlala (Golden Arrows) Rejoice Simelane (Mamelodi Sundowns) Stanley Matthews (SuperSport United)