UKhoza ukruqulwe nguJordaan

Emva kokutyholwa ngumongameli weSafa, uDanny Jordaan, njengoyena mntu opheka igumgedle lokungcolisa igama lakhe, usihlalo wePSL, uIrvin Khoza, uthe ukruqukile kukumane etyholwa nguJordaan qho xa esengxakini.

UJordaan utyholwa nguJennifer Ferguson ngomdlwengula kwiminyaka eliqela eyadlulayo.

Lo nto uJordaan uyichaza njengeyelenqe elakhiwa nguKhoza ofuna kungcole igama lakhe. Uyikhabile yonke lo nto uKhoza watsho esithi uzimisele ukulihlamba igama lakhe.

“Zange ndathetha mna noFerguson futhi zange ndadibana naye. Ngaphambili ndathula uJordaan endityhola kuba ndikhusela ibhola yethu – kodwa kweli ityeli ndifuna lihlanjwe igama lam,” utshilo uKhoza.