Ukrwabaze irekhodi lehlabathi uWayde

UMzantsi Afrika wonke uyavuya, iSascoc iyavuya noWayde van Niekerk uqobo uyavuya emva kokuba ebethe iintaka ezimbini ngelitye elinye kwi-Olimpiki zalo nyaka ezisingathwe yiRio de Janeiro. UWayde ukrwabaze irhokhodi lembaleki yaseMelika engumpondo-zihlanjiwe kumgama ongamakhulu amane eemitha [400m] uMichael Johnson, ngethuba enika uMzantsi iGolide yokuqala ekuseni namhlanje e-Olympic Stadium.

Le mbaleki yeli lizwe izenzele igama ngokuthi iphumelele iGolide ngokugqiba i-400m ngemizuzwana eyi-43.03, ibetha ngaphaya kwaleyo yenziwa nguJohnson ngemizuzwana eyi-43.18 ngo’1999.

Nangona ithemba lawo uMznatsi Afrika ubulibeke kuyo le mbaleki – kodwa ukubhala imbali yehlabathi ngokutsha yinto engakhange yalindelwa ngabantu abaninzi. Isantya sale ndedeba inamashumi amabini anesine eminyaka khange sitshintshe kulo mgama ukusukela ekuqaleni ukuyotsho ekugqibeleni – yinto engaqhelekanga leyo. Umsebenzi kaWayde ushukumise lonke ihlabathi, hayi ilizwe lakhe nje kuphela. Khange kubelula kuWayde ngoba ebekhuphisana nembaleki yaseMelika ebaleka kakhulu, uLaShawn Merritt, owenze imizuzwana eyi-43.85.

Usapho lwale mbaleki, eliqhayiya loMzantsi Afrika, luyamkele into eyenziwe ngunyana walo. Nalo belungaphakathi ebaleni ngethuba uWyade ephakamisa igama lelizwe lakhe phakathi kwezinye izizwe zehlabathi. Kakade uWyade uyintshatsheli ye-400m emva kwempumelelo awayizuza eBeijing kunyaka ophelileyo, ngoku uzicacisile ukuba uyindoda emadodeni ngokubuya neGolide kwii-Olimpiki zika’2016. UMzantsi Afrika wonke unebhongo yinto eyenziwe nguWyade.