Ukubhubha komdlali weMaritzburg

Izimvo zabafundi beli phepha-ndaba ngesithwakumbe sokubhubha ngengozi komdlali weMaritzburg United, uMondli Cele.

Nkosikona Matera: Mabakhwele ibhasi emva kwemidlalo yabo ngoku kuba baqhuba bephantsi konxinzelelo.

Fish Mbane P Asanda: Utsho kakuhle Matera..ukwaleka abadlali bethu mabahloniphe imithetho yendlela futhi umntu akungena emotweni makazazi unexabiso kwabamnthandayo aqhube ngenkathalo.

Bongiwe Dlutu-Siya: Ingozi ayinqandwa, qha into ebalulekileyo kukuthobela imigaqo yezendlela kunye nokuyeka ukuqhuba umntu ephantsi kweempembelelo zotywala/ ziyobisi.

Kaloku ibhasi bangakhwela xa bephuma emabaleni kodwa loo nto ayithi umntu akanozihamba iingxaki zakhe xa ephuma emdlalweni, umntu ngamnye unezicwangciso zakhe zosuku, ayingomdlali ngamanye amaxesha owenza ingxaki, ikwangabanye abasebenzisi bendlela.

Temba Krila KaThangana Mhlekwa: Mabangaqhubi abadlali emva kwemidlalo yasebusuku. Mabayololala kwihotele yabo kude kubelusuku olulandelayo.

Xolani Xman Ngantweni: Mna ndithi bekunobangcono ukuba bebenoqasha abaqhubi abangochwepheshe ekuqhubeni ngokusemthethweni kuba bayangxama bona abadlali bebhola ekhatywayo banga baqhuba benemincili @George eThembalethu

Nceba Maki: Ewe licebo eli ngoba amajita aphuma ebaleni ahambe ayokonwaba kulapho ke baye bagaxeleke ezingosini.

Humphrey Sigonyela: Ndithi mna mabahlale kwiiNkampu zelo qela

Zoe Sneh Wolela: Ingathi kungangcono xa benokuthi bahlale ehotele emva komdlalo. Ekungenzekayo kusube beqhuba besemincilini,

Simbongile Mlenga: Abadlali mabaqhutyelwe imoto, umntu makayisebenzise xa esekhefini.

Khwalo Skeyi: Ayilula njengokuba sisitsho le nyewe.

Xa abadlali bedlalela ekhaya, kuyimfuneko na ukuba balaliswe ehotele..?

(Kuba iindleko iyakuba zezeqela alidlalelayo), ingubani oyakuthwala ezo ndleko xa kanti umdlali unako ukugoduka..?

Into endicinga ukuba inokwenziwa, iqela likhuphe inqwelo enomqhubi wayo,wokugodusa abadlali bakuba bewugqibile umdlalo. (Nalapho, akulula, kuba umdlali usenokufika apho ahlala khona, abuye aphinde indlela).

Ukufundiswa nokugxininisa ngendlela yokuziphatha kwabadlali ngamaqela abawadlalelayo, ingayenye yeendlela zokuncedisana nalo nto.

Kaloku uninzi lwabo luphuma kumakhaya ahluphekileyo, bamkele iimali ezinamagama, bathande ukuhlala namantombazana, zinto ezo banofundiswa ngobungozi bazothini, INGAKUMBI emveni kwemidlalo emikhulu njengale.