Ukunyamezela kumkhulisile uMandisi Mkile

UMandisi Mkile uchulumanciswe kukuwongwa kwakhe emva kokusebenza ngozimisela iminyaka emanqindini

Nakubeni izinto zaguqukayo emva kokuba uMzantsi Afrika uzuze inkululeko ngo-1994, kodwa emdlalweni wamanqindi kusekhona ukusokola okuthile ngenxa yokungabikho kwenkxaso-mali.

Uthando lwamanqindi lukhona ebantwini – kodwa ukungabikho kwenkxaso ngokufanayo nasebholeni ekhatywayo nasembhoxweni, kwenza kube nzima ukukhula ngokukhawuleza.

Kuzo zonke izinto, akukho nanye into ekwazileyo ukumtyhafisa uMandisi Mkile wakwaNU 1, eMdantsane.

UMkile, 33, uvule unyaka omtsha ngeyona ndlela imnandi emva kokuba ethe wawongwa lisebe lezemidlalo njengegosa lamanqindi elinekamva eliqaqambileyo.

Iwonga elifunyenwe nguMandisi lifika kuye emva komsebenzi omhle awenze kunyaka ophelileyo (2017).

“Ukunyamezela, ukusebenza ngokuzimisela emsebenzini wam nokumamela abaphathi bam zezona zinto ezindibeke kule ndawo ndikuyo namhlanje,” utshilo uMkile encokola neli phephandaba.

Le ndedeba ixelele I’solezwe lesiXhosa okokuba ukuwongwa kwayo yinto echulumancisayo nebonisa ukuba iyakwazi ukuwenza umsebenzi.

“Ukuchongwa kukodwa yaba yinto enkulu kakhulu kum. Ndiyavuya ngoba ukuwongwa kwam kuthetha ukuthi ndiwenza kakuhle umsebenzi wam. Kwiindawo ngeendawo ndeva abantu bethetha ngomsebenzi omhle endiwenzayo xa ndiphethe imilo yamanqindi. Ndifuna ukubonisa naba basakhulayo ukuba ikhona into abangayenza emanqindini,” utshilo uMkile.

UMandisi Mkile unethuba elide kakhulu esemanqindini. Washiya ibhola ekhatywayo kuba wayengaboni mpumelelo kuyo ngo-1996, wangena emanqindini phantsi kwesandla sikaWelcome Ncita – enye yeentshatsheli zehlabathi kweli lizwe loMzantsi Afrika.

Waqhubela phambili njengembethi manqindi ekudidi labangahlawulwayo wade wabona ithuba lokwenza enye into emanqindini ngo-2000, unyaka awagqiba kwelokuba abe ligosa aphinde abe ngusompempe emanqindini.

Phantsi kwegama lakhe uMkile njengembethi manqindi walwa amashumi amabini anesixhenxe yonke yemilo.

Wangqengqisa amadoda kwimilo elishumi elinesithandathu kwengamashumi amabini awayiphumelelayo.

Libathwana lemilo esixhenxe qha awaphulukana nayo uMkile. Ngoku ufuna ukuphatha imidlalo yeWBF, IBO ne-ABU.