Osebenzela inkampani
yoonogada ugcuma ziintlungu kwigumbi labagula kakhulu esibhedlele emva
kokonzakaliswa ngabalandeli beKaizer Chiefs izolo ebusuku. Le ndedeba
engekachazwa ngegama igagene neembila zithutha ngethuba abalandeli
abebelugcwabevu ngumsindo bevuse udushe emva kokubethwa kweKaizer Chiefs ngo’2-0
yiFree State Stars kumdlalo weNedbank Cup ebusuku izolo eMoses Mabhida Stadium.
Isithethi
seenkonzo zempilo, uKyle Van Reenen, uxelele iNews24 ukuba unogada obethwe
izolo eMoses Mabhida wonzakele kakhulu nangona imeko yakhe izinzile nje. Izolo
kujikele iingxelo ezithi linenekazi elonzakaliswe izolo – kodwa abaphathi
beMosese Mabhida ezo ngxelo azichanekanga ngoba ngunogada oyindoda owonzakeleyo.
Kulindeleke ukuba Amakhosi aphinde athawuziswe yiPremier Soccer League emva
kokugwetywa kwiveki ephelileyo emva kwesenzo esifanayo nesi.
Usihlalo wePSL,
uGqirha Irvin Khoza, kulindeleke ukuba athethe esidlangalaleni ngesehlo esibi
esenzeke eMoses Mabhida ngomso. Esi senze sikhalinyelwe kakhulu ngabantu
abalandela ibhola ekhatywayo. Umphathiswa weZemidlalo kuzwelonke, uTokozile
Xasa nePSL basigxekile isenzo sabalandeli beChiefs batsho bethembisa
ngokuthatha amanyathelo ngokukhawuleza. Babini abantu ababanjiweyo ngamapolisa
ekulindeleke bavele enkundleni ngomso. Emva kwalo mdlalo, uSteve Komphela, uye
walahla njengomqeqeshi weChiefs.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!