ULaffor uthi iChippa idlalela ukuphumelela

Yothuse umzi iChippa United ngethuba ibhengeza umdlali waseLiberia, uAnthony Laffor noAyabulela Konqobe njengabadlali bayo abatsha kwiveki ephelileyo. ULaffor uchithwe yiMamelodi Sundowns kwinyanga ephelileyo emva kweminyaka eliqela engumdlali wayo. Kanti yena uKonqobe ebedlalela iqela laseYurophu. Kwamkelwe ngezandla ezifudumeleyo ngabalandeli ukufika kwaba badlali ababini ngoba ngabadlali abasemgangathweni ophezulu kwaye ubukho babo kulindeleke buyifunqule iChippa United ebethe iTS Galaxy ngo’1-0 kwiveki ephelileyo emva kwexesha elide itsala nzima. Bafike kakuhle iChippa kunyanzelekile iphumelele ukuze isuke endaweni eyingozi.

ULaffor, 35, uxelele iintatheli kule veki esona sizathu esibangele ahambe kwiDowns emva kweminyaka esibhozo yonke. “Zange ndothuke xa ndikhululwa yiSundowns. Khumbulani, ngokuya ndandifika kwaye kwahamba abanye abadlali. Ibindiphethe kakuhle kakhulu iSundowns, kodwa ndiye ndacinga ukuba lifikile ixesha lokuba ndiyishiye. Okuhle ngokohlukana kwam nayo kukuba yonke into yenziwe ngemvano. Ibifuna ukubolekisa ngam kodwa ndaye ndala,” utshilo uLaffor.

“Into endingazuyenza kukungayihloniphi iSundowns emva kwezinto endenzele zona. Ndohlukene kakuhle neSundowns kwaye ndonwabile. Akundothusanga ukuhamba kwiSundowns ngoba yonke into inexesha layo ebomini,” utshilo uLaffor, othe iChippa iza kudlalela ukuphumelela yonke imidlalo yayo. Yena uKonqobe ukuvuyele ukubuyela kwiChippa abuyela kuyo okwesibini, watsho ebulela umqeqeshi nosihlalo weqela.

“Kumnandi ukubuyela okwesibini nakweliphi na iqela. Ndibulela ithuba endilinikwe ngumqeqeshi nosihlalo weqela. Okwam ngoku kukusebenza ngokuzimisela ukuze bazingce ngam,” utshilo uKonqobe osuka eFinland. Kulindeleke uLaffor ancedise kakhulu iChippa kwicala lokufaka amagowuli – kanti yena uKonqobe uza kuncedisa emva ukuze kunciphela izinga lokungena kwamagowuli okuyingxaki.