UMahlambi ufunwa yiSundowns

IMamelodi Sundowns ikhangela umdlali oza kuthi avale indawo kaPercy Tau ekuqaleni kwesizini.

UTau kuxoxwa ngaye yiSundowns neqela laseNgilane ekuvakala iindaba ezithi libeke imali eqikelelwa kwiR50-million etafileni elimfuna ngayo lo mdlali.

Akukacaci nokuba IDowns iya kumkhulula kusini na emva kokugoloza kuba ifuna imali ethe xaxe kunale.

Iindaba ezijikelezayo zithi iDowns inomdlali wokuvala indawo kaTau ngoPhakamani Mahlambi odlalela iqela laseYiphutha – iAl Ahly.

Ngoku into eyizamayo iDowns kukuba uMahlambi akhululwe nokuba kungemboleko.

Yinto engeke ibe lula leyo ngoba lo mdlali ufike wayibethelela indawo yakhe kwisizini egqithileyo emva kokuthengiswa yiBidvest Wits.