UMajodina uzakuphucula umdlalo wamahashe eMpuma Koloni

Umnini-mahashe kunye needyokhi zakhe

Umphathiswa weZemidlalo, uPemmy Majodina, unezicwangciso eziphilileyo ngomdlalo wamahashe aphaliswa ezilalini.

Lo kaMajodina uthele thsuphe eli phephandaba ngezi zicwangciso abanazo ezijoliswe ekuphuculeni umdlalo wamahashe eMpuma Koloni. Umphathiswa ubuye engawuvali umlomo ngenxa yobukhulu betumente esungululwe nguTat’uNgumbela kutshanje eDutywa.

Umbhanti – igama obizwa ngawo umdlalo wamahashe – uxatyiswe kakhulu ngabantu basezilalini. Nangona umkhulu lo mdlalo – kodwa abanikazi bamahashe needyokhi azinalo kakuhle ulwazi olupheleleyo ngamahashe.

Lo ngoyena mdlalo okwaziyo ukutsala abantu abaninzi apha eMpuma Koloni emva kwebhola ekhatywayo. Yiyo lo nto uMphathiswa ebone ukuba enze iinkquleqhu zokuncedisa.

“Ndilapha kuba ndifuna ukubona iidyokhi ukuba zime kanjani. Sisebenza nesebe elijongene neelali kwicala lokuphuhlisa iidyokhi ezi ukuze nazo zibone ukuba ukuqabela amahashe sisakhono. Kwinyanga ephelileyo besinentlanganiso nabantu ababandakanyeka emanqindini; besizama amacebo amatsha wokuwaphucula. Ezakulandela intlanganiso yeyamahashe. Ndithe kumphathi wesebe, uBafundi Makhubalo, makajonge izinto esingazilungisa,” utshilo uMajodina kwitumente ebiseDutywa.

Olu qeqesho kulindeleke luncede kwindlela umdlalo ocwangcwiswa ngayo, indlela yokuphatha amahashe, neendlela iidyokhi nabaphathi abanokuphuhla ngayo. Zamkelwe ngovuyo ezi ndaba ngomnye wabanikazi bamahashe eMthatha, uMbuyekezo Simanga.

“Ndiyalamkela eli nyathelo. Enyanisweni sinawo la mahashe kuba siwathanda; ulwazi ngawo asinalo tu. Lubalulekile ulwazi ngamahashe; izigulo zawo nendlela ekufuneka aphathwe ngayo. Iidyokhi zona zenza nje kuba zizonwabisa. Aziyijongi le nto njengento abanotya ngayo,” utshilo uSimanga.