UMakhubedu ungxengxezela amazwi wakhe

Umqeqeshi weqela i-Acornbush United uMacDonald Bambino Makhubedu umfanekiso: Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

USteve Komphela uthi umqeqeshi we-Acornbush United makabekwe ityala emva kokuhlasela iKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo.

Amakhosi abethe i-Acornbush kwimizuzu yokugqibela ngo’2-1 kumdlalo weNedbank Cup obubanjelwe eKabokweni Stadium. Kula mdlalo, iChiefs ihlangulwe nguGustavo Paez ongene kwisigaba sesibini somdlalo emva kokubanjwa ngobhongwane yi-Acornbush ixesha elide.

UMacDonald Makhubedu ukhwele ezehlela, ezonyelisa ekwazityhola ngokudlala into encinci iiGlamour Boys.

“Ukuba eli lelona qela likhulu kweli lizwe, iqela lesizwe lisengxakini. Amaqela amakhulu mawanyaniseke, adlalise abadlali abakhulu kwaye bathenge abadlali. Ilizwe liyabetheka yile nto. Abantu beze apha bezokubukela iqela elikhulu kweli lizwe, baboniswe le nto kodwa. Akukho nto bayifundileyo abadlali bam apha,” utshilo uMakhubedu emva komdlalo.

UKomphela ude waphendula kule veki ngelithi iPSL mayenze into ngabaqeqeshi abathetha imfitshi-mfitshi.

“Ndicinga ukuba iPSL mayithathe inyathelo ngale nto. Abaqeqeshi abaninzi bathetha ububhanxa emva koko kungabikho nto yenziwayo ngalo nto. Siyibonile isiza le nto, siye sabukela sonke. Andiyazi eyona nto yenzekayo kubaqeqeshi. Emva kokubetha, yamkela. Kufuneka umntu afunde into anokuyithetha naleyo engafanelekanga. Apha kwiChiefs asibehli entloko abantu, siyabahlonipha – kodwa abantu bathetha izinto ezimbi ngathi. Le ndoda mayimangalelwe qha, iyirhuqe eludakeni ibhola. Umntu makacinge phambi kokuthetha,” utshilo uKomphela emva kothelekiso lwamaqela adlala kwiNedbank Cup.

Emva kokubaleka imibuzo yeentatheli, uMakhubedu ugqibe kwelokuba axolise kwiChiefs. Lo mqeqeshi uthe waphulukwa emva kokungathandi indlela umdlalo owaphathwa ngayo.

“Ndiyaxolisa kusihlalo weChiefs, uKaizer Motaung, uBobby Motaung, uSteve Komphela nabadlali bonke,” utshilo uMakhubedu.