UMenzo uyiqhwabele izandla i-Ajax Cape Town

Nathan Paulse of Ajax Cape Town celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2016/17 football match between Ajax Cape Town and Kaizer Chiefs at Athlone Stadium, Cape Town on 25 February 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi we-Ajax Cape Town, uStanley Menzo, ulincomile kakhulu iqela lakhe emva kokudlala ntanganye neKaizer Chiefs ngo’1-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuse-Athlone Stadium. Ifolosi ye-Ajax, uNathan Paulse, nguye ongcangcazelise umnathi kuqala emdlalweni ebeka iqela lakhe phambili – kodwa umdlali wasemva weChiefs, uDaniel Cardoso, ufake igowuli lokulinganisa ngemizuzu yokugqibela emdlalweni.

Omabini la maqela eze kulo mdlalo ezimisele kwaye efuna amanqaku. Nangona i-Ajax ifumene inqaku elinye kulo mdlalo – kodwa uMenzo uthi ucuntsu akafani noshici xa iqela lakhe lidlala neqela elikhulu njengeChiefs.

“Ndiyalincoma iqela lam, lidlale kakuhle kakhulu. Bendiwonwabele lo mdlalo. Umdlalo ubunayo yonke into efuneka emdlalweni. Kudlalwe ibhola ephucukileyo, umdlalo ubukumgangatho ophezulu kwaye omabini amaqela ebesilwela impumelelo. Sibenako ukubetheka ngamaxesha athile emdlalweni, sedlala kakuhle ngamanye amaxesha – ndingatsho kodwa ukuba inqaku elinye ndiyalamkela kulo mdlalo. Ngalo nto ndiliqhwabela izandla iqela lam,” utshilo uMenzo emva komdlalo.

Njengokuba isizini ingene kwisigaba sesibini, i-Ajax, iphantsi koxinizelelo ngoba ihleli kwindawo yeshumi elinanye emva kwemidlalo elishumi elinethoba. Lo mqeqeshi usenalo ithemba lokuphucula izinto kweli qela laseKapa emva komdlalo okhuthazayo wayizolo.

“Ukuba iqela lingadlala ngolu hlobo ngamaxesha onke, singaphuma kule ngxaki sikuyo – yilo nto endisoloko ndiyithetha kubadlali. Ukudlala phambi kwabalandeli abaninzi kufunqule ukuzithemba kubadlali. Nam ndiyayithanda imidlalo enje ndiwonwabele umdlalo wamaqela omabini,” uvale ngalo mazwi uMenzo.

Amakhosi aguduke nelo nqaku linye emva kokuphumelela imidlalo emihlanu ilandelelana.