Umqeqeshi omtsha uyabathembisa abalandeli beMarumo Gallants ngezinto ezintle

Romain Folz.

Kungentsuku zatywala, amaqela adlala kwiDStv Premiership aza kuqala amalungiselelo wesizini entsha emva kwekhefu lenyanga yonke. Bona abaphathi bawo khange baye ekhefini kuba bakhangela abadlali abatsha nabaqeqeshi. Elinye lamaqela ebelingenaye umqeqeshi liqela laseLimpopo, iMarumo Gallants. Kwiveki ephelileyo ibhengeze uRomain Folz, osuka kwilizwe laseFrance, njengomqeqeshi omtsha. UFolz, 31, ungene endaweni kaDan “Dance” Malesela oye wakhululwa ekupheleni kwesizini nakubeni encede iMarumo Gallants yafikelela kwisigaba sokugqibela seNedbank Cup. Nangona indedeba yaseFrance isengumqeqeshi osemncinane ngeminyaka – kodwa sele iqokelele amava kumaqela aliqela eminyakeni egqithileyo.

Phakathi kwamaqela awaqeqeshileyo uRomain Folz kukho iWest Virginia, iTownship Rollers FC, iBechem United ne-Ashanti Gold FC. Phambi koko ebelisekela kumaqela afana neGolden Eagles, iAS Sale, iPyramids FC neChamois Niort. “Emva kokubonisana kwabaphathi, kuye kwagqitywa kwelokuba nguFolz oza kukhokela iqela. Ufika namava awafumene kumaqela aseYurophu nakwamanye alapha e-Afrika. Siyamamkela umqeqeshi wethu omtsha kwaye siqinisekile ukuba ngumqeqeshi oyifaneleyo uMarumo Gallants,” utshilo uMnu. Abram Sello ongusihlalo weqela.

Ukusukela oko yafika kwiDStv Premiership, iMarumo Gallants ayikabinaye umqeqeshi ohleli ixesha elide. Phambi kukaMalesela, kwagxothwa uSebastian Migne owathatha iintambo kuDylan Kirr owaphumelela indebe yeNedbank iseyiTshakhuma Tsha Madzivhandila. UFolz ulamkele uxanduva alinikiweyo watsho ethembisa ngokuphumeza iinjongo zeqela lakhe elitsha. “Kuyandonwabisa futhi kuliwonga kum ukuba ngumqeqeshi weMarumo Gallants FC edlala kwiPSL. Endingakutsho kubalandeli naku: Sizimisele ukusebenza ngokuzimisela ukuze babenebhongo ngeqela labo. Ndiza kwenza konke okusemandleni wam ukuze yenzeke lo nto,” utshilo uFolz. Kulindeleke iphulukane nabadlali bayo abaphambili iGallants abafunwa ngamaqela amakhulu.