UMwambungu Uhuru uwusindisile uMthatha Bucks usengxakini ngale njikalanga

Igowli elifakwe nguMwambungu kwimizuzu yokugqibela liwusindisile uMthatha Bucks. Eli qela laseMthatha lidlale ntanganye ngo’1-1 ne-University of Pretoria kumdlalo obubukelwe yinyambalala yabalandeli bebhola eMthatha Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Igowuli leTuks lifakwe ngumdlali odlala kakuhle kakhulu enxele – uZithulele Mhlontlo. Nangona omabini
la maqela ekwazile ukudlala umdlalo obubukelekayo kwizigaba zozibini zomdlalo –
kodwa awakwazanga ukuwasebenzisa amathuba amaninzi avelileyo emdlalweni. UMpho Erasmus,
ekuthenjelwe kuye kakhulu kwicala lokufaka amagowuli liqela laseMthatha,
ebengathi ufakwe ebhotileni ngabadlali basemva beTuks. 

Isiqingatha
sokuqala siqhube kakuhle kakhulu, ngakumbi iqela ebelindwendwele, ngoba liye
kwixesha lokuphumla lihamba phambili ngegowuli elinye kwinto engekhoyo
kuMthatha Bucks. AmaTuks ngawo aqale ukuhlasela umzuzu umnye umdlalo uqalile –
kodwa ngelishwa lawo ibhola entle ebikhatywe nguZithulele Mhlontlo iphume
ecaleni kwepali. Khange uphozise amaseko uMthatha Bucks wahlasela nawo,
uMwambungu Uhuru ubethe amadoda ekoneni ngobucule – ibhola yakhe kodwa
ayikwazanga ukuya epalini. Omabini la
maqela ebedlala ibhola entle ehamba phantsi, esebenzisa abadlali abasemaphikweni.
Emva kokudlala kakuhle esazulwini sebala – ifolosi yaMathol’amnyama, uMpho
Erasmus, iye yajongana nonozinti ngqo. Ibhola yakhe u-Erasmus iye yabanjwa
nguWensten Van Der linde ngoba akayikhabanga kakuhle. Ibilelona thuba
licacileyo lokuqala kwiqela ebelidlalela ekhaya. Kumzuzu wamashumi amabini
anesithathu, uZithulele Mhlontlo, obeyinkathazo kakhulu ekunxele, uvalele
igowuli emnatheni atsho ahamba phambili AmaTuks emdlalweni.

Isigaba sesibini
siqale ngesantya esiphezulu. Amathol’amnyama abuye etshovana ukuya phambili,
into ebiwabetha kukungadibani komdlalo wawo phambi kwepali. UMhlontlo ubethe
amadoda kumzuzu wesine kwisigaba sesibini – kodwa ngethamsanqa abadlali
bakaDuncan Lechesa bakwazile ukumvalela. UMthatha Bucks uphoswe lithuba
lokulinganisa ngethuba ibhola entle ekhatywe nguSello Jaftha ibanjwa ebhokisini
nguVan Der Linde. Unozinti weBucks usebenze kakhulu ngethuba eval ibhola yeTuks
ebiyingozi kakhulu. UDuncan Lechesa ukhuphe u-Angelo Kerspuy waze endaweni
yakhe wafaka uKangwa Chileshe. Kanti kwelinye uShaun Bartlet yena ufake uThabo
Museki endaweni kaMiguel Dias odlale umdlalo oncomekayo esiswini. Ekuzeni kuphela
komdlalo uMthatha Bucks uhlasele ngamandla qha kubadlali basemva abafana
noDavies Nkausu. Kuthe sekungaseni uMwambungu Uhuru wawisindisa uMthatha bucks emlonyeni wengonyama. nangona iBucks isesengxakini – kodwa ukungabethwa kwawo namhlanje kuyincedile.