Imbethimanqindi, uGrand Fourie, owathi wazenzela udumo kubathandi nabalandeli bamanqindi kweliphondo ngethuba wayecela umngeni kwezinye zentshantsheli zeli phondo esingabalula kuzo uVusumzi Bokolo noXolisani Ndongeni kukhuphiswano lwe Premier Boxing League, ngomnye weentshatsheli ezintsha zelizwe loMzantsi Afrika.
UFourie uthe wathatha le ntshinga yodidi lweSuper-Flyweight kwintshatsheli uWarren Jourbet nongakhange enze ngokwaneleyo uyikhusela kwimijikelo elishumi elinesibini e-Emperors Palace ngoLwesihlanu.
Lo mlo kunyanzeleke uye kwingxelo zeejaji, nanjengokuba bekungekho mbethi-manqindi efuna ukugoba iphondo, ziwubona ngoluhlobo: 117-111, 116-110, 114-112 zonke ziwunike uFourie. UFourie, oneminyaka eyi-32, waqala ukulwa kudidi ekuhlawulwa kulo ngo-2007, uthe wanyusa umgangatho wempumelelo kwimilo yakhe yayokutsho kwishumi elinesithandathu, ebethwe kwesixhenxe ngelixa edlale ngokulingana kumlo omnye.
Komnye umlo wentshinga yeCruiser-weight, amatyendyana uKelvin Lerena noDeon Coetzee, abaneminyaka engamashumi amabini anesithathu bakhuphisene kumlo owaziwa nge”Young Guns”, Lo mlo uthathe imijikelo elishumi elinambini. ULerena noqale lomlo kumgangatho ophezulu egibisela amanqindi anomthamo nebekubonakala ukuba ufuna umngqengqisa uCoetzee, uye wazibona sele egxiza igazi nanjengokuba kwimizamo yakhe ebesilwa esiya phambili. Le ndedeba neqeqeshwa ligqala uPeter Smith, inyanzele kwingxelo yejaji ukuphumelela lo mlo ngelixa ethe wathatha impumelelo yakhe yayokutsho kwimilo elishumi elinambini nalapho ethe wawangqengqisa amadoda izihlandlo ezisibhozo.
Komnye umlo nobenemijikelo emithandathu kwiTumente ye-African Ring ibambisene neGolden Gloves Promotions eKempton Park, inzalelwane yaseMdantsane uLudumo Lamati udlale ntanganye noSibo Ngema kudidi lwe-Bantamweight.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?