Unethemba kwiqela lakhe uDe Villiers

Emva kwesiqalo esingakhange sibesihle kuluhlu lemidlalo yosuku olunye, iiProteas kuzakufuneka zimise ingqondo xa ziqubisana ne-Australia, kumdlalo wazo wesibini ngomso.

NgoLwesihlanu abafana bakaRussel Domingo khange bakwazi ukumelana neWest Indies kumdlalo wokuqala wosuku olunye, babethwa ngoothinti abane.

USunil Narine ngoyena mdlali utshabalalise amathemba eProteas, emva kokuba ewise oothinti abathandathu.

Lo mdlalo ibilityeli lesibini apho iiProteas zibethwa yiWest Indies.

Zikhona iindawo eliqhube kakuhle kuzo iqela lalapha ekhaya, kwaye ikapteni * -AB De Villiers unethemba phambi komdlalo wangomso.

“Bendicinga ukuba sizakugoduka nawo lo umdlalo kodwa khange sikwazi ukufumana amanqaku aneleyo ukuza nempumelelo. Besiqale kakuhle kulo mdlalo sibhatyaze emva kwemijikelo elishumi siqhokra,” utshilo uDe Villiers.

“Into ebalulekileyo kukuba siphucule indlela esinxibelelana ngayo njengokuba sibheka phambili kolu luhlu lwemidlalo. Kufuneka siwufunde umdlalo we-Australia, ayibalulekanga into yokuba sidlale ngokuzixhesha kuba sifuna ukuqokelela amanqaku. NgoLwesibini siza- kudlala umdlalo okwizinga eliphezulu xa siqubisana ne-Australia.”

I-Australia lelinye lamazwe anzima kwiqakamba, kwaye alibetheki lula. Kungoku nje iiProteas zisaziphulula amanxeba okubethwa yiAustralia kwindebe yehlabathi yeqakamba kunyaka ophelileyo. Umdlali ozakuphakamisa umdlalo weProteas kwicala lokugisibela ngu-Aaron Phangiso, wenze umsebenzi omhle kumdlalo weveki ephelileyo.