UNhlanhla Tyirha ufuna shushu intshinga yeWBC emva kwempumelelo yakhe eMonti!

Kuthe qabu kamnandi kwimbethimanqindi yaseMdantsane esaze ngobuso ezweni, uNhlanhla Tyirha, emva kokuphumelela umlo onzima ekuqaleni kwenyanga yeDwarha. UTyirha, 22, ubethe isitshovutshovu saseFilipino, uJaysever Abcede, emlweni weWBO Global junior flyweight ebingenamntu eMonti. Ichulumance kakhulu indedeba yaseMdantsane (KwaNU7) ngoba abantu abaninzi bebengasayithembanga ukuba ingaphumelela emva kokunqatyelwa yimilo iminyaka emibini yonke. Nangona uTyirha ekhe wavuswa egadeni nguJaysever ekuqaleni komlo – kodwa wayilungisa lo nto, yanguye ogqiba umlo esenamandla. “Ndonwabe kakhulu emva kokuphumelela umlo wam wokugqibela,” utshilo uTyirha ethetha nentatheli yeli phephandaba kutshanje.

Izinto ebezithethwa ngabantu zimphazamisile emoyeni kwaye nokuhlala ixesha elide engalwi kusichaphazele kakubi isidima sakhe njengembethimanqindi. Emva kokuqhuba kakuhle, ngoku uthi uyathemba akukho mntu oza kumthandabuza. “Zininzi izinto ebezithethwa ngabantu – kodwa ndiyathemba ukuba akukho mntu oyakuphinda andithandabuze. Emva kokuwa emijikelweni yokuqala yomlo, abanye bebecinga ukuba kuphelile ngam. Kodwa ndaphakama kwangoko ndalwa. Eyona nto ebangele abantu bangandithembi kukuba ndihleli iminyaka emibini ndingalwi,” utshilo uTyirha. Imbethimanqindi yaseFilipino yawuqala kakuhle umlo ngokuqokelela amanqaku.

Ephawula ngokuwiswa kwakhe uTyirha uthe: “Zange ndibenalo tu ixhala. Indlela endazilolonga ngayo phambi komdlalo yandenza ndazithemba kakhulu. Ndothuka nam kodwa kukuwa kula mlo ngoba zange ndawa ndisilwa ebomini bam. Kodwa ndayilungisa lo nto ngokuphakama ngokukhawuleza.” Ngoku uTyirha ugxeleshe intshinga yeWBC kwihlabathi kwaye uthi akakhathali nokuba uthelekiswa nabantu, into ayifunayo yintshinga. “Ndifuna ukuba yintshatsheli yeWBC. Yileyo into endiyifunayo ngoku. Andikhathali nokuba ngubani endithelekiswa naye, kodwa ndifuna la ntshinga,” utshilo uTyirha oqeqehwa nguMnu. Khangelani Jeje.