UNotoane ulungiselela imidlalo yeCosafa

UDavid Notoane unikwe uxanduva lokuqeqesha iBafana Bafana kwindebe yeCosafa Cup umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Amazwe asemazantsi kwizwekazi leAfrika axakekile eThekwini – apho adlala imidlalo yeCosafa eqale kutshanje.

UStuart Baxter bekufanele ukuba nguye oxhuzula imikhala njengokuba uMzantsi Afrika ulelinye lamazwe ayinxalenye yokhuphiswano ekuthiwa yiCosafa Cup, kodwa iintambo zinikwe uDavid Notoane ngoba yena (uBaxter) uxakekiswe liqela lesizwe elidala elilungiselela ukuya kwi2019 Afcon.

ICosafa yitumente ebalulekileyo kakhulu ebholeni yeAfrika ngoba kulapho kunikwa khona amathuba okudlala abadlali abaselula ngokweminyaka.

UNotoane uchonge ingxubevange yabadlali abasebancinane nabanye abanamava kodwa uyasokola ngoba abadlali ubathathe emakhaya bephumle emva kokuvalwa kwesizini yePSL kwiveki yesibini kwinyanga kaCanzibe.

UNotoane uxelele iSafa.net okokuba bukhona ubunzima ebadlalini ngoba bathathwe bephumle emva kwesizini ende. ABafana Bafana balungiselela ukuqubisana neBotswana emdlalweni wokuqala kwiCosafa oza kube usePrincess Magogo Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe.

“Ndingatsho ukuba abadlali basaqinelwe yimilenze ngoba abanye babo baneeveki ezintathu zonke bephumle emva kokuvalwa kwesizini. Kodwa ikhona inkqubela esiyenzayo enkampini. Sibaxelele abadlali izinto abanokuzenza nezinto ezilindelekileyo kubo. Umdlalo wokucweya neZambia (odlalwe izolo) uza kubanceda kakhulu abadlali abasaqhane imilenze. Ndicinga ukuba umdlalo wangeCawe uyakufika noko siwulungele ngokupheleleyo,” utshilo uNotoane enkampini yeBafana Bafana.

Kunyaka ophelileyo, uMzantsi Afrika wafumana indawo yesithathu kwiCosafa. Akukho sizathu esinokubangela ungaphumeleli kulo nyaka ngoba kukho iziqwayi zabadlali eziquka uReyaad Pieterse, uReeve Frosler, uTercious Malepe, uTeboho Mokoena, uKeagan Dolly noPhakamani Mahlambi.

Emidlalweni yokuqala yeCosafa; iNamibia ibethe iMozambique ngo’2-1, iMalawi ibethe iSeychelles ngo’3-0, Eswatini yabambana neComoros ngo’2-2.

Oonozinti: Mondli Mpoto, Darren Johnson, Reyaad Pieterse.

Abadlali basemva: Thendo Mukumela, Keanu Cupido, Reeve Frosler, Tercious Malepe, Katlego Mohamme, Bongani Sam, Sandie Mthethwa.

Esiswini: Teboho Mokoena, Athenkosi Dlala, Sipho Mbule, Kamohelo Mahlatsi, Jamie Webber, Kegan Dolly, Grant Margeman, Kgaogelo Sekgota.

Ifolosi: Phakamani Mahlambi, Zakhele Lepasa, Jemondre Dickens, Luther Singh GD, Liam Jordan.