UNtseki ubavale umlomo abagxeki

Abadlali beqela lesizwe iBafana Bafana apho bebedlala khona neqela laseMali kumdlalo weNelson Mandela ChallengeUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Ngethuba kusaziswa uMolefi Ntseki njengomqeqeshi weBafana Bafana oza kuxhuzula imikhala emva kokulahla kukaStuart Baxter emva kweAfrica Cup of Nations, kwaye kwabakho isankxwe elizweni jikelele kuba iSafa ingazange ikhethe abantu abafana noGavin Hunt okanye uPitso Mosimane abangabona baqeqeshi bazibalule ngokuthatha iindebe ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Abaphathi beSafa bathi bafuna umntu ongazukuqala phantsi. UNtseki wabonwa njengomntu osilungeleyo isikhundla ngokuba wayelisekela likaBaxter nabanye abaqeqeshi phambi kwakhe.

Kwiveki ephelileyo, uNtseki uphumelele umdlalo wakhe wokuqala njengomqeqeshi emva kokuba aBafana Bafana bebethe iMali ngo’2-1 emdlalweni weMandela Challenge obubukelwe ngabantu abasondele kumashumi amabini amawaka eNelson Mandela Bay Stadium ngeCawe edlulileyo.

Impumelelo yeqela lesizwe ibe yinto entle, ingakumbi ukubetha ilizwe elidlala kakuhle njengeMali.

“Ukuphumelela umdlalo wokuqala yinto emnandi futhi ekhethekileyo. Bekumnandi kakhulu ngokuba besiwonga uMandela kwiphondo awazalelwa kulo. Belikhona ixhala kodwa lilo eliye lasikhuthaza ukuze senze umsebenzi omhle. Ndibulela ubukho babantu abanamava abafana noTrot Moloto,” utshilo uNtseki encokweni yakhe neentatheli emva komdlalo eBhayi.

Uyibulele ke kambe inkxaso yabantu baseBhayi abayinike iqela lakhe ngosuku lomdlalo nangosuku oluphambi komdlalo. Nangona impumelelo iyeyona nto encumise uNtseki kodwa naye ukhuthazwe ngabadlali bakhe abadlale umdlalo omhle.

Amagowuli afakwe nguDean Furman noThemba Zwane abe ngunozala weqela ebelidlala ngokukhulu ukuzimisela futhi lidlala umdlalo odibeneyo.

“Impumelelo yeyelizwe. Besiwonga ngayo uMadiba. Size apha sizixelele ukuba kufuneka sidlale, ndonwabile ngokuba siyenzile lo nto.”

Ngoku umqeqeshi weBafana kufuneka alungiselele imidlalo ehlakulela ukuya kwiAfcon. Ukuzithemba kufunquke kamnandi ebadlalini nakuNtseki njengokuba belungiselela ukudibana nelizwe laseGhana kwinyanga ezayo. “Ukubetha iqela elifana neMali yinkuthazo enkulu xa ulungiselela ukudlala neGhana kokwayo. Ndinethemba lokuba iqela lakudlala kakuhle lifumane iziphumo ezincumisayo,” utshilo uNtseki.